Shumayela Ngaphandle Kokuyekelela
1 Ngamanye amaxesha siye sivakalelwe kukuba nakuba intsimi yethu siyiphindaphinda ngokucokisileyo asifumani mdla ungako. Kodwa kukho izizathu ezisinyanzela ukuba siqhubeke sishumayela.—Mat. 28:19, 20.
2 Ukuze Kube Bubungqina: UYesu waxela kwangaphambili ukuba ukushumayela ngoBukumkani kwakuza kuba yinxalenye ebalulekileyo yomqondiso oyintlanganisela “wokupheliswa kwenkqubo yezinto” nokuba kwakuza kwenziwa ukuze “kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mat. 24:3, 14) Ubungqina obunamandla buyanikelwa xa abantu besibona sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Naxa bengasamkelanga isigidimi sethu, abanye basenokuqhubeka bethetha ngotyelelo lwethu emva kweeyure okanye iintsuku sihambile. Ukuxabisa izizathu zobulungiseleli bethu kuyasinceda sinyamezele. Siyamvuyisa uYehova ngokuba nenxaxheba ekuzalisekiseni isiprofeto seBhayibhile, ngokunikela ubungqina, nangokuvakalisa isigidimi sesilumkiso.—2 Tes. 1:6-9.
3 Kufuneka Umonde: Ekubeni kukho iziphazamiso ezininzi kwaye nabantu bexakeke gqitha, kufuneka sibe nomonde xa sizama ukukhulisa umdla wabo. Elinye ibhinqa elalityelelwa veki nganye ngamaNgqina ekugqibeleni lawamemela ekhayeni lalo ukuze axubushe nalo iBhayibhile. Layithanda ingxubusho yeBhayibhile laza lacela ukuqhutyelwa isifundo, laya kwiintlanganiso laza kungekudala lathi lifuna ukubhaptizwa.
4 Abantu batshintsha ngokukhawuleza njengokuba iimeko zehlabathi nazo zitshintsha. Abaninzi abaye abasamkela isigidimi sethu ngaphambili basenokuba nomdla kwithemba lethu elihlaziyayo esibaxelela ngalo. Umonde wethu uba nomvuzo xa umntu omnye esamkela isigidimi soBukumkani.
5 Abantu abaninzi ehlabathini ‘bayagcuma yaye bayancwina ngenxa yezinto ezicekisekayo ezenziwayo.’ (Hez. 9:4) Imiphumo yokushumayela kwethu ibonisa ukuba abo banotyekelo olufanelekileyo bayasabela kwisigidimi soBukumkani. (Isa. 2:2, 3) Ngoko ke masiqhubeke sizishumayela ngaphandle kokuyekelela “iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi.”—Isa. 52:7; IZe. 5:42.