Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
© 2023 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
JANUWARI 1-7
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 32-33
Thuthuzela Abo Baxinezelekileyo
it-1-E 710
UElihu
UElihu wayengenamkhethe, ibe kwakungekho mntu awayemjonga ngendlela ekhethekileyo kunomnye. Wayeyiqonda ukuba naye, njengoYobhi, wenziwe ngodongwe ibe uMdali wakhe yayinguSomandla. UElihu wayengazimiselanga ukumoyikisa uYobhi kodwa wathetha naye njengomhlobo wokwenene, embiza ngegama lakhe, nto leyo ababengayenzi uElifazi, uBhiledadi noTsofare.—Yob 32:21, 22; 33:1, 6.
Ngaba Ubujonga NjengoYehova Ubuthathaka Babanye?
8 Enye into enokusinceda sibe novelwano kukukhumbula ukuba abanye abazalwana noodadewethu baye babuthathaka ngenxa yeemeko ezinzima—impilo enkenenkene, intsapho enamalungu angakholwayo, okanye uxinezeleko. Ezi zinto zinokusehlela nathi. Ngaphambi kokuba angene kwiLizwe Lesithembiso, amaSirayeli awayekade ehlwempuzekile yaye ebuthathaka kwilizwe laseYiputa, akhunjuzwa ukuba ayemele ‘angazenzi lukhuni iintliziyo zawo’ kubazalwana bawo abaxhwalekileyo. UYehova wayelindele ukuba abe novelwano kumahlwempu.—Dut. 15:7, 11; Lev. 25:35-38.
9 Kunokuba sibagwebe okanye sibakrokrele abo basebunzimeni, simele sibathuthuzele. (Yobhi 33:6, 7; Mat. 7:1) Ngokomzekelo: Xa umqhubi wesithuthuthu efika esibhedlele emva kokwenzakala endleleni, ngaba oogqirha baye bazame ukuqonda enoba nguye obangele loo ngozi? Akunjalo, into abayenzayo kukukhawuleza bamncede. Ngokufanayo, xa umzalwana wethu eye wathwaxwa ziingxaki de wabuthathaka, eyona nto ifunekayo kukuba simncede abe nolwalamano oluhle noThixo.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:14.
10 Xa sicingisisa ngeemeko zabazalwana bethu, sinokutsho sibubone ngendlela eyahlukileyo ubuthathaka babo. Cinga ngoodade abaye banyamezela ukuchaswa yintsapho kangangeminyaka. Nakuba abanye kubo bebonakala bexhwalekile yaye bebuthathaka, ngaba ukunyamezela kwabo akubonisi ukuba banokholo olungagungqiyo? Xa ubona umama ongenaqabane esiza rhoqo kwiintlanganiso kunye nabantwana bakhe, ngaba akuchukumiseki lukholo nokuzimisela kwakhe? Kuthekani ngabantwana ababambelela nkqi kwinyaniso ngoxa becinezelwa ngabanye esikolweni? Ukucinga ngako konke okwenziwa ngabazalwana bethu ukuze bakhonze uYehova, kuya kusinceda sibone ukuba ‘bazizityebi elukholweni,’ nakuba bekhangeleka bebuthathaka.—Yak. 2:5
Simele Sithethe Xa Kutheni?
17 Umntu wesine owaya kuYobhi nguElihu, owayezalana noAbraham. Wayemamele xa la madoda mathathu ayethetha noYobhi. Kuyabonakala ukuba wayemamele kakuhle kuba wakwazi ukumthuthuzela nokumlungisa uYobhi. (Yobhi 33:1, 6, 17) Eyona nto wayeyifuna uElihu kukuba kuhlonitshwe uYehova kunokuba kuhlonitshwe yena okanye omnye umntu. (Yobhi 32:21, 22; 37:23, 24) Into eyenziwa nguElihu isifundisa ukuba kukho ixesha lokuthula ukuze simamele. (Yak. 1:19) Enye into esiyifundayo kukuba simele silungise abantu kuba sifuna kuhlonitshwe uYehova, hayi thina.
18 Sinokubonisa ukuba siyasibulela isipho sokuthetha ngokuthobela icebiso leBhayibhile elisixelela ukuba simele sithethe xa kutheni size sithethe njani. UKumkani uSolomon olumkileyo waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Linjengama-apile egolide kwisitya sesilivere ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.” (IMize. 25:11) Ukuba simamela kakuhle xa abanye abantu bethetha size sicinge ngaphambi kokuba sithethe, amazwi ethu aza kuxabiseka njengala ma-apile egolide aze abe mnandi. Loo nto iza kwenza ukuba izinto esizithethayo zibakhuthaze abantu zize zimvuyise uYehova nokuba sithetha kakhulu okanye asikuthandi ukuthetha. (IMize. 23:15; Efe. 4:29) Nantso ke indlela eza kubonisa ukuba siyasibulela esi sipho sivela kuThixo.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Hlala Usondele KuYehova
10 Ngokufanayo ke, intle into yokuba siyixhalabele inkangeleko yethu. Kodwa akuyomfuneko ukubila sisoma kuba sisilwa neempawu zokwaluphala. Ezi isenokuba ziimpawu zokuqola, isidima nobuhle bangaphakathi. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.” (IMize. 16:31) Yileyo indlela asijonga ngayo uYehova, ngoko nathi simele sizijonge ngayo. (Funda eyoku-1 kaPetros 3:3, 4.) Ngaba bubulumko ukuzibeka emngciphekweni ngokungeyomfuneko ngokwenza utyando okanye unyango olunokuba yingozi kuba nje sifuna ubuhle? Kungakhathaliseki ukuba singakanani ngeminyaka nempilo yethu injani, eyona nto isenza sibe bahle ngokwenene ‘luvuyo lukaYehova.’ (Neh. 8:10) Impilo egqibeleleyo nokukhangeleka sibatsha zizinto esiya kuzifumana kwihlabathi elitsha kuphela. (Yob. 33:25; Isa. 33:24) De kube ngoko, simele senze ukhetho lobulumko yaye sibe nokholo kwizithembiso zikaYehova. Oko kuya kusinceda sihlale kwikhondo elifanelekileyo ngoxa sinandipha ubomi yaye singazixhalabisi ngokugqithiseleyo ngempilo.—1 Tim. 4:8.
JANUWARI 8-14
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 34-35
Xa Kubonakala Ingathi Izinto Ezimbi Zenzeka Kubantu Abalungileyo
Unjani UThixo?
UThixo usoloko esenza izinto ezilungileyo. IBhayibhile ide ithi: “Makube lee kuThixo oyinyaniso ukwenza ngobungendawo, nakuSomandla ukwenza ngokungekho sikweni!” (Yobhi 34:10) Usoloko enobulungisa, nomdumisi wade wathi xa ethetha ngoYehova: ‘Uya kuzigweba izizwana kakuhle.’ (INdumiso 67:4) Ngenxa yokuba ‘uYehova ebona oko ikuko intliziyo’ akaqhathwa ngabantu abazenzisayo, uyakwazi ukuyibona inyani aze agwebe kakuhle. (1 Samuweli 16:7) Ngaphezu koko, uThixo uyazibona zonke izinto ezingekho mthethweni ezenzekayo ibe uthembisa ukuba kungekudala “abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni.”—IMizekeliso 2:22.
Yintoni Eza Kuthi Shwaka Xa Kufika UBukumkani BukaThixo?
5 Uza kwenza ntoni uYehova? Okwangoku uYehova unika abantu abangendawo ithuba lokutshintsha. (Isa. 55:7) Abakagwetywa. Yile nkqubo esele igwetyiwe. Kuza kwenzeka ntoni kwabo bangafuniyo ukuguquka, abaqhubeka bexhasa le nkqubo de kufike imbandezelo enkulu? UYehova uthembisa ukuba uza kubatshabalalisa abantu abangendawo bangaphinde babekho. (Funda iNdumiso 37:10.) Abangendawo basenokucinga ukuba baza kusinda. Kweli hlabathi, abantu abaninzi sele befunde amaqhinga okufihla izinto abazenzayo baze bangaphenduliswa okanye bavune oko bakuhlwayeleyo. (Yobhi 21:7, 9) Kodwa masikhumbule ukuba iBhayibhile ithi: “Amehlo akhe [uThixo] asezindleleni zomntu, yaye onke amanyathelo akhe uyawabona. Akukho bumnyama nathunzi limnyama kwabo baqhelisela okwenzakalisayo ukuba bazifihle khona.” (Yobhi 34:21, 22) Akukho nto sinokuyifihla kuYehova uThixo. Abo bafihl’ iintloko abasoze bamqhathe; akukho thunzi limnyama linokwenza uThixo obona yonke into angakwazi ukubabona. Emva kweArmagedon sisenokubakhangela abangendawo kodwa asisoze sibafumane. Abayi kuphinda babekho!—INdu. 37:12-15.
Sukuvumela Nantoni na Ikwenze Uyeke Ukulandela UYesu
19 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Isekhona. Nangoku abantu abaninzi abasifuni kuba asifuni kwanto iza kusidibanisa neepolitiki. Bafuna sivote. Asifuni ukuvota kuba siyazi ukuba xa sinokukhetha ukulawulwa ngumntu ofana nathi, sakube sithi asimfuni uYehova. (1 Sam. 8:4-7) Abantu basenokucinga ukuba simele sakhe izikolo nezibhedlele, senze nezinye izinto eziza kunceda abantu. Kodwa eyona nto siyenzayo kukushumayela kunokuzama ukulungisa iingxaki zabantu. Yiloo nto bengafuni ukuwumamela umyalezo esibaxelela wona.
20 Yintoni omele uyenze ukuze ungayeki ukulandela uYesu? (Funda uMateyu 7:21-23.) Zimisele ukwenza umsebenzi awathi uYesu masiwenze. (Mat. 28:19, 20) Ungaze uzixakekise ngokuzama ukulungisa iingxaki zeli hlabathi. Uyabathanda abantu futhi iingxaki abanazo ziyakukhathaza, kodwa uyazi ukuba eyona ndlela unokubanceda ngayo kukubafundisa ngoBukumkani BukaThixo ukuze babe ngabahlobo bakhe.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Ngamana UYehova Angadunyiswa Ngomoya Wokuzinikela Onawo!
3 UElihu yena akazange alungiswe nguYehova xa wabuza lo mbuzo: “Ukuba eneneni wenze okulungileyo, umnika ntoni na [uThixo], okanye yintoni na ayamkelayo esandleni sakho?” (Yobhi 35:7) Ngaba noElihu wayezama ukuthi siyaziduba ngokuzama ukukhonza uThixo? Hayi. Wayesithi uYehova akaxhomekekanga kunqulo lwethu. UYehova akaswelanga nto. Akabi nguThixo osisityebi okanye onamandla ngenxa yethu. Kunoko, nakuphi na ukulunga, isiphiwo, okanye amandla esinawo siwaphathiswe nguThixo, kwaye uyijongile indlela esiwasebenzisa ngayo.
JANUWARI 15-21
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 36-37
Isizathu Sokusithemba Isithembiso SikaThixo Sobomi Obungunaphakade
Ngaba Ngokwenene Sinokumazi UThixo?
UKUPHILA KUKATHIXO NGONAPHAKADE: IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo ebekho “ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo.” (INdumiso 90:2) Ngamanye amazwi, uThixo akanasiqalo engenasiphelo. Umntu ‘akanakukwazi ukugocagoca inani leminyaka yakhe.’—Yobhi 36:26.
Indlela oncedakala ngayo: UThixo ukuthembisa ubomi obungunaphakade ukuba uye wamazi. (Yohane 17:3) Besinokuthenjwa njani eso sithembiso ukuba uThixo ebengaphili ngonaphakade? ‘NguKumkani kanaphakade’ kuphela onokusizalisekisa eso sithembiso.—1 Timoti 1:17.
Ngaba Uyambulela UYehova Ngezinto Akuphe Zona?
6 Ngenxa yendawo elikuyo ilanga, amanzi asoloko ekhona emhlabeni. Ukuba belikufutshane nje kancinci emhlabeni, onke amanzi ebeza kubila aphele kuze kungabikho nto iphilayo. Ukuba belikudana, onke amanzi ebeza kuba ngumkhenkce. Yintoni enye ayenzileyo uYehova ukuze amanzi ahlale ekhona? Ilanga litshisa amanzi aselwandle nakwezinye iindawo ezisemhlabeni abe ngumphunga, uze loo mphunga ufike esibhakabhakeni ube ngamafu. Qho ngonyaka, la manzi ajika abe ngumphunga anokulingana namanzi angaphezu kwawo onke amanzi akumachibi asemhlabeni. Lo mphunga uye uhlale iintsuku ezimalunga neziyi-10 ngaphambi kokuba ube yimvula. Loo mvula ibuyela elwandle nakwezinye iindawo ezisemhlabeni. Yonke le nto ibonisa indlela alumke nanamandla ngayo uYehova.—Yobhi 36:27, 28; INtshu. 1:7.
Ungayeki Ukuqinisa Ithemba Onalo
16 Ithemba esinalo lokuphila ngonaphakade lisisipho esixabisekileyo esivela kuThixo. Sizijonge ngamehlo abomvu izinto asithembise zona, nesiqinisekileyo ukuba ziza kwenzeka. Eli themba lifana neankile, lisinceda sinyamezele iingxaki, singagungqi xa sitshutshiswa size singoyiki naxa sisoyikiswa ngokubulawa. Liphinda lifane nomnqwazi wentsimbi. Likhusela iingqondo zethu ukuze singazenzi izinto ezirongo kodwa sifune ukwenza ezilungileyo. Ithemba esinalo kwizinto esizithenjiswe eBhayibhileni lisinceda simazi bhetele uThixo futhi libonisa nendlela asithanda ngayo. Xa lihlala liqinile sincedakala kakhulu..
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 492
Ukusasazwa kweendaba
Kumazwe akudala aseBhayibhileni, iindaba zazisasazwa ebantwini ngeendlela ezahlukeneyo. Kwiindawo ezininzi iindaba zasekuhlaleni nezakwamanye amazwe zazisasazwa ngomlomo. (2Sa 3:17, 19; Yob 37:20) Abantu ababehamba bengamaqela babesima bathenge amanzi, ukutya nezinye izinto kwezinye izixeko ibe xa bemile babegqithisa iindaba zamazwe abasuka kuwo. Abantu abahamba bengamaqela ababesuka nababesiya kwiindawo ezikude babenganqabanga ePalestina kuba indlela eyayisiya eAsia, eAfrika naseYurophu yayigqitha apho. Ngoko abantu balapho babesoloko bezazi iindaba ezibalulekileyo zezinto ezenzekayo kwamanye amazwe. Iindaba zaselizweni nezakwamanye amazwe zazinokufunyanwa kwindawo yokuthengisa yasesixekweni.
JANUWARI 22-28
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 38-39
Ngaba Uyazipha Ixesha Lokubuka Indalo?
Ngaba Uza Kumlinda UYehova?
7 Xa iBhayibhile isixelela indlela awawudala ngayo umhlaba, ithi ‘walinganisa ubungakanani bawo,’ wemba “iintsika zawo,” wabeka “ilitye lawo lekona.” (Yobhi 38: 5, 6) Wathath’ ixesha naxa wayejonga umsebenzi awenzileyo. (Gen. 1:10, 12) Khawuyicinge indlela ezimele ukuba zavuya ngayo iingelosi xa zazibona izinto azidalileyo. “Zakhwaza zivuya.” (Yobhi 38:7) Yintoni esiyifundayo apha? UYehova wagqiba ukudala umhlaba, iinkwenkwezi nazo zonke ezinye izinto eziphilayo emva kweminyaka engamawaka amaninzi. Xa wayezijonga zonke ezi zinto, wathi, ‘zilunge gqitha.’—Gen. 1:31.
Uvuko Lubonisa Ukuba UThixo Uyasithanda, Ulumkile Kwaye Unomonde
2 Okokuqala, uYehova wadala uNyana wakhe, uYesu. Ekunye noNyana wakhe, wadala “zonke ezinye izinto,” ngokomzekelo, zonke iingelosi. (Kol. 1:16) UYesu wayekuvuyela kakhulu ukusebenza noTata wakhe. (IMize. 8:30) Kwaneengelosi zazivuya kakhulu. Zambona uYehova noMsebenzi Onobuchule, uYesu, xa babedala amazulu nomhlaba. Zathini? ‘Zamdumisa’ uThixo xa wadala umhlaba zaza zaqhubeka zimdumisa naxa zabona ezinye izinto awazidalayo, ingakumbi abantu. (Yobhi 38:7; IMize. 8:31, umbhalo osemazantsi) Zonke ezi zinto uYehova azidalileyo zibonisa indlela anothando nalumke ngayo.—INdu. 104:24; Roma 1:20.
Unokufunda Nezinye Izinto NgoYehova Kwindalo
8 Sifanele simthembe uYehova. Wanceda uYobhi wamthemba kakhulu kunakuqala. (Yobhi 32:2; 40: 6-8) Xa wayencokola noYobhi, wathetha ngezinto ezininzi azidalileyo. Ezinye zazo ziinkwenkwezi, amafu nemibane. Wathetha nangezilwanyana ezinjengenkunzi yenkomo yasendle nehashe. (Yobhi 38:32-35; 39:9, 19, 20) Zonke ezi zinto zazibonisa ukuba akangoThixo onamandla amangalisayo nje qha, kodwa unalo nothanda futhi ulumke kakhulu. Ngenxa yale ncoko uYobhi watsho wamthemba kakhulu kunakuqala uYehova. (Yobhi 42:1-6) Nathi xa sifunda ngendalo sitsho sikhumbule ukuba akakho umntu olumke nonamandla njengoYehova, nokuba angakwazi ukuziphelisa iingxaki esinazo, futhi uza kuyenza loo nto. Le nto inokusinceda simthembe kakhulu.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-2-E 222
UMniki-mthetho
UYehova nguMniki-mthetho. UYehova nguye yedwa uMniki-mthetho wokwenene kwindalo yonke. Eminye yemithetho ayenzileyo yimithetho elawula izinto ezidaliweyo (Yob 38:4-38;INd 104:5-19), equka nezilwanyana. (Yob 39:1-30) Nabantu abadalwe nguYehova bamele bayithobele imithetho kaYehova elawula indalo. Kuba bona bekwazi ukucinga, ukuqiqa nokuzigqibela enoba baza kumthobela na uYehova, bamele bayithobele imithetho uThixo ayibekileyo yendlela ekufuneka baphile ngayo. (Rom 12:1; 1Ko 2:14-16) Kanti, lo mthetho kaYehova ulawula nezidalwa zomoya, iingelosi.—INd 103:20; 2Pe 2:4, 11.
Akukho mntu unokukwazi ukuyophula imithetho kaYehova yezinto ezidaliweyo. (Yer 33:20, 21) Ndlela le ethembeke ngayo nengatshintshiyo ngayo le mithetho, oososayensi bayakwazi ukuvele basebenzise yona ukuze babale ngokuchanileyo ukujikeleza kwenyanga, iiplanethi nezinye izinto ezijikeleze umhlaba ngokuqhwanyaza nje kweliso. Nabani na oye ophule le mithetho yendalo uye ayive imiphumo yoko ngoko nangoko. Ngendlela efanayo, imithetho kaThixo yendlela yokuziphatha ayinakophulwa ibe umntu akanakukwazi ukuyibaleka imiphumo yokungayithobeli. Imiphumo yokungathobeli imithetho kaThixo yokuziphatha ifana nqwa nemiphumo yokungathobeli imithetho Yakhe yendalo, nangona loo miphumo isenokungaveli ngokukhawuleza. “UThixo akayonto yokuhlekisa. Loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona.”—Gal 6:7; 1Ti 5:24.
JANUWARI 29–FEBRUWARI 4
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 40-42
Izinto Esizifundayo Kwibali LikaYobhi
“Ngubani Na Oyaziyo Ingqondo KaYehova?”
4 Njengoko sicamngca ngemisebenzi kaYehova, sifanele sikuphephe ukucinga ukuba uThixo ufanele enze izinto ngokwemilinganiselo yabantu. Oku kubonakala kula mazwi athethwa nguYehova, akwiNdumiso 50:21: “Ubucinga ukuba ndiya kuba njengawe ngokuqinisekileyo.” Kunjengokuba omnye umphengululi weBhayibhile watshoyo kwiminyaka engaphezu kwe-175 eyadlulayo: “Abantu badla ngokugweba uThixo ngokwemilinganiselo yabo yaye bacinga ukuba ufanele aphile ngokuvisisana naloo milinganiselo abacinga ukuba kufanele kuphilwe ngayo.”
5 Indlela esimjonga ngayo uYehova ayifanele iphenjelelwe yimilinganiselo neminqweno yethu. Kutheni oku kubalulekile nje? Kaloku, njengoko sifunda iZibhalo, ezinye zezinto ezenziwa nguYehova sisenokuzibona zingafanelekanga ngokwembono yethu elinganiselweyo. AmaSirayeli amandulo enza loo mpazamo aza afikelela kwizigqibo ezingafanelekanga ngendlela uYehova awayeqhubana nawo ngayo. Phawula oko uYehova wakutshoyo kuwo: “Ngokuqinisekileyo nina niya kuthi: ‘Indlela kaYehova ayilungiswanga kakuhle.’ Khanincede, nive, ndlu kaSirayeli. Indlela yam ayilungiswanga kakuhle na? Asizondlela zenu na ezingalungiswanga kakuhle?”—Hez. 18:25.
6 Into enokusinceda sikuphephe ukwenza impazamo yokugweba uYehova ngokwemilinganiselo yethu kukuqonda ukuba iimbono zethu zilinganiselwe yaye maxa wambi zidla ngokuphosakala. UYobhi kwafuneka ayiqonde loo nto. Xa wayebandezelekile, uYobhi waphelelwa lithemba waza waqalisa ukucinga ngesiqu sakhe. Wayilibala eyona nto ibalulekileyo. Kodwa ngothando uYehova wamnceda wabona izinto ngenye indlela. Ngokubuza uYobhi imibuzo engaphezu kwama-70, angazange akwazi ukuphendula nomnye wayo, uYehova wayebonisa indlela ukuqonda kukaYobhi okwakulinganiselwe ngayo. UYobhi wazithoba waza walungisa indlela acinga ngayo.—Funda uYobhi 42:1-6.
Ungayilibali Eyona Mbambano Ibalulekileyo
12 Ngaba uYehova wayeqatha kuYobhi ngokumngxolisa ekubeni wayenyamezele izinto ezibuhlungu kakhulu? Wayengekho qatha, ibe noYobhi wayibona loo nto. Nangona wayexhwalekile, waqalisa ukuthetha njengomntu oqondayo waza wabulela. Wade wathi: “Kungenxa yoko ndirhoxa, yaye ndiyaguquka ndiseluthulini naseluthuthwini.” Icebiso likaYehova elingqalileyo kodwa elihlaziyayo laba nelo futhe kuye. (Yobhi 42:1-6) Ngaphambilana, uYobhi wayeye walungiswa ngumfana onguElihu. (Yobhi 32:5-10) Emva kokuba uYobhi emmamele uThixo waza wayilungisa indlela azijonga ngayo izinto, uYehova wachazela abanye indlela awevuyiswa ngayo kukuthembeka kukaYobhi nangona wayevavanywa.—Yobhi 42:7, 8.
“Thembela NgoYehova”
17 AyingoYobhi qha umkhonzi kaYehova owahlala enesibindi waza akatyhafa xa wayeneengxaki ezinzima. Kwileta awayibhalela amaKristu akwaYuda, umpostile uPawulos wathetha ngabanye abakhonzi bakaYehova abaninzi, ebabiza ngokuba ‘lilifu elikhulu lamaNgqina.’ (Heb. 12:1) Bonke baba neengxaki ezinzima, kodwa ubomi babo bonke bahlala bethembekile kuYehova. (Heb. 11:36-40) Ngaba ukunyamezela nokusebenza nzima kwabo yaba kukudlala ngexesha? Hayi. Ngoxa bengazange bazibone ezinye izinto ezithenjiswe nguThixo zisenzeka, zange bayeke ukuthembela kuye. Ngenxa yokuba babesazi ukuba uYehova uyabathanda, babeqinisekile ukuba babeza kuzibona izinto azithembisileyo zisenzeka. (Heb. 11:4, 5) Indlela ababephila ngayo, inokusinceda sizimisele kakhulu ukuhlala sithembela ngoYehova.
18 Kuya kusiba kubi kweli hlabathi. (2 Tim. 3:13) USathana akakayeki ukwenza abantu bakaThixo babe neengxaki. Nokuba zeziphi esiseza kuba nazo, masizimisele ukumsebenzela nzima uYehova, siqinisekile ukuba “sibeke ithemba lethu kuThixo ophilayo.” (1 Tim. 4:10) Khumbula, izinto ezenzeka kuYobhi emva kwazo zonke iingxaki awayenazo zibonisa ukuba ‘uYehova unovelwano nenceba.’ (Yak. 5:11) Nathi masihlale sithembekile kuYehova, siqinisekile ukuba uza kubavuza ‘abo bamfuna ngokuzimisela.’—Funda amaHebhere 11:6.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-2-E 808
Ukugxekwa
UYobhi wayeyindoda elungileyo eyayikwazi ukuhlala ithembekile nangona yayigxekwa kakhulu. Kodwa ekuhambeni kwexesha waye wajonga izinto ngendlela engachananga waza walungiswa ngenxa yempazamo awayenzayo. UElihu wathi ngaye: “Ikhona na indoda efana noYobhi, ehlala inyamezele ukugezelwa?” (Yob 34:7) UYobhi wayezijonga njengelungisa ngaphezu kukaThixo ibe wayezixakekise kakhulu kukuzithethelela kunokuba athethelele uThixo. (Yob 35:2; 36:24) Xa uYobhi wayegxekwa kabukhali ‘ngabahlobo bakhe’ abathathu, wayecinga ukuba bagxeka yena endaweni yokuba acinge ukuba babegxeka uThixo. Ngale ndlela wayefana nomntu owonwatyiswa kukugxekwa, njengomntu owonwabela ukusela amanzi. UThixo waye wathi kuYobhi, oyena mntu aba bahlobo bakhe abaxoka ngaye, nguye yena Thixo. (Yob 42:7) Ngokufanayo, uYehova wathi kumprofeti uSamuweli xa amaSirayeli ayefuna ukumkani: “Ayinguwe lo bangamfuniyo, kodwa ndim lo bangamfuniyo ukuba abe ngukumkani wabo.” (1Sa 8:7) Kanti uYesu wathi kubafundi bakhe: ‘Niza kucatshukelwa zizo zonke iintlanga [kungekhona ngenxa yento eniyenzileyo kodwa] ngenxa yegama lam.’ (Mat 24:9) Xa umKristu ehlala ecinga ngezi zinto uza kukwazi ukunyamezela ukugxekwa aze angakhalazi. Loo nto iza kumnceda atsho afumane umvuzo ngenxa yokunyamezela kwakhe.—Luk 6:22, 23.
FEBRUWARI 5-11
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 1–4
Khetha Ukuba Kwicala LoBukumkani BukaThixo
“Ndiza Kuzigungqisa Zonke Iintlanga”
8 Bathini abantu xa besiva lo myalezo? Abaninzi abawuthandi. (Funda iNdumiso 2:1-3.) Iintlanga zinexhala. Azimfuni uKumkani okhethwe nguYehova. Kuzo, umyalezo esishumayela ngawo woBukumkani, ‘ayizondaba zilungileyo.’ Abanye oorhulumente bade bawuyekisa umsebenzi wokushumayela. Abalawuli abaninzi beentlanga bathi bakhonza uThixo, kodwa abafuni kumyeka alawule. Nabo njengabalawuli bexesha likaYesu, abamfuni uKumkani okhethwe nguThixo. Loo nto bayenza ngokuphatha kakubi abalandeli bakaYesu.—IZe. 4:25-28.
Ukungathathi Cala Kwihlabathi Elahluleleneyo
11 Ukuthanda izinto eziphathekayo. Xa imali nezinto zethu zibaluleke kakhulu kuthi, sisenokukufumanisa kunzima ukungathathi cala. Emva ko-1970, amaNgqina amaninzi eMalawi kwafuneka ancame zonke izinto awayenazo, kuba ayengavumi ukungenela umbutho wezopolitiko. Okulusizi kukuba, abanye abazange bafune ukuncama ubomi babo obutofotofo. Omnye udade ogama linguRuth ukhumbula oku, “Abanye bahamba nathi ukuya elubhacweni kodwa kamva bangenela umbutho wezopolitiko baza babuyela ekhaya kuba bengafuni ukunyamezela ubunzima kwinkampu yeembacu.” Kodwa uninzi lwabantu bakaThixo alunjalo. Bahlala bengathathi cala nokuba loo nto iphumela ekubeni bangabi namali okanye baphulukane nento yonke ethi bona.—Hebhere 10:34.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 425
Umququ
Umququ lixolo elingaphezulu elibhityileyo elibakho kwiinkozo ezinjengerhasi nengqolowa. Nangona iBhayibhile ifuzisela xa ithetha ngomququ, wona ubhekisela kumsebenzi wokubhula owawusenziwa kudala. Emva kokuvunwa, eli xolo lingatyekiyo lokhozo lalingabalulekanga, yiloo nto lalimela into eyayiphaphatheka lula neyayingafuneki nganto, into ekwakufuneka isusiwe kwinto elungileyo ize ilahlwe.
Xa kubhulwa, kwakuye kuqalwe kususwe umququ kwiinkozo. Emva koko, kwakuphekuzwa iinkozo zize ezandawo zomququ zingafuneki nganto ziphaphatheke nomoya njengothuli. (Jonga indawo ethi WINNOWING.) Le nto iyibonisa kakuhle indlela uYehova uThixo abasusa ngayo abawexuki ebantwini bakhe. Iphinda ibonise nendlela abatshabalalisa ngayo abantu abangcolileyo neentlanga eziziintshaba zakhe. (Yob 21:18; INd 1:4; 35:5; Isa 17:13; 29:5; 41:15; Hos 13:3) UBukumkani bukaThixo buza kuzityumza iintshaba zawo zibe ziingceba ezincinci eziphaphatheka lula njengomququ.—Dan 2:35.
Lo mququ ungafuneki nganto wawuye udityaniswe uze utshiswe ukuze ungaphaphatheki uze ubuyele kwiinkozo. Ngokufanayo, uYohane umBhaptizi wathetha ngokutshatyalaliswa ngomlilo okwakuza kwehlela abantu beenkonzo zobuxoki—aze Umntu Obhulayo, onguYesu Kristu, aqokelele ingqolowa, “aze wona umququ awutshise ngomlilo ongacimekiyo.”—Mat 3:7-12; Luk 3:17; jonga indawo ethi THRESHING.
FEBRUWARI 12-18
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 5-7
Hlala Uthembekile Nokuba Abanye Benza Izenzo Zokungathembeki
Ukufunda IBhayibhile Kunokukunceda Unyamezele
7 Ngaba ukhe wajikelwa ngumntu wakowenu okanye ngumhlobo wakho? Ukuba ikhe yenzeka loo nto, uza kuncedwa libali lonyana kaKumkani uDavide, uAbhisalom, owajikela uyise ngokuzama ukumbhukuqa ukuze kulawule yena.—2 Sam. 15:5-14, 31; 18:6-14.
8 (1) Thandaza. Ucinga ngeli bali, xelela uYehova ukuba uziva njani ngendlela oye waphathwa kakubi ngayo. (INdu. 6:6-9) Sukumfihlela nto, mxelele kanye le ndlela uziva ngayo. Emva koko mcele akuncede ubone imigaqo eza kukunceda.
Qiniseka Ukuba Izinto Ozikholelwayo Ziyinyaniso
3 Asimele sibe nokholo kuba nje sithanda abantu bakaThixo. Ngoba? Masithi umKristu, mhlawumbi umdala okanye uvulindlela, wenza isono esinzulu. Okanye masithi uyakukhubekisa. Mhlawumbi omnye uba ngumwexuki kuba esithi izinto esizikholelwayo aziyonyaniso. Ukuba kwenzeka izinto ezinjengezi, ngaba uza kukhubeka ude uyeke ukukhonza uYehova? Ukuba sinokholo ngenxa nje yezinto ezenziwa ngabanye abantu endaweni yokuba nokholo kuba singabahlobo bakaThixo, aluzukuqina. Indlela omjonga ngayo uYehova nabanye abantu inokulunceda ukholo lwakho. Kodwa kubalulekile nokuba ufundisise iBhayibhile, uyiqonde kakuhle into oyifundayo, uphande ngayo ukuze uqiniseke ukuba into oyifundayo ngoYehova yinyaniso. Umele uqiniseke ukuba iBhayibhile ithetha inyaniso ngoYehova.—Roma 12:2.
4 UYesu wathi abanye babeza kuyamkela inyaniso ‘bevuya,’ kodwa kuthi kwakuvela iingxaki, baphelelwe lukholo. (Funda uMateyu 13:3-6, 20, 21.) Mhlawumbi babeza kuyamkela bengayiqondi into yokuba abantu abalandela uYesu baba neengxaki. (Mat. 16:24) Okanye bayamkele becinga ukuba xa ungumKristu awusoze ube neengxaki. Kodwa kweli hlabathi, ziza kuhlala zikho iingxaki. Izinto zisenokutshintsha, ize loo nto isenze siyeke ukuvuya.—INdu. 6:6; INtshu. 9:11.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 995
Ingcwaba
KumaRoma 3:13 umpostile uPawulos ucaphula INdumiso 5:9, efanisa umqala wabantu abenza izinto ezimbi nabaqhathayo“nengcwaba elivulekileyo.” Njengoko ingcwaba elivulekileyo liza kugcwaliswa ngabantu abafileyo nabonakeleyo, imiqala yabo iyavuleka ukuze bathethe izinto ezinyelisayo nezibubuxoki.—Thelekisa uMat 15:18-20
FEBRUWARI 19-25
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 8-10
“Ndiza Kukudumisa, Yehova”!
Ubalulekile Kwintsapho KaYehova
6 UYehova usilungiselele ikhaya elingafaniyo namanye. Ngaphambi kokuba adale umntu wokuqala, uYehova wadala umhlaba abaza kuphila kuwo abantu. (Yobhi 38:4-6; Yer. 10:12) Ngenxa yokuba enguThixo obacingelayo abantu nonobubele, umhlaba uwudale wanezinto ezininzi ezisenza sonwabe. (INdu. 104:14, 15, 24) Xa egqib’ okudala, wayezipha ixesha lokuyijonga loo nto ebeyidala, ‘abone ukuba ilungile.’ (Gen. 1:10, 12, 31) Wabonisa indlela ababaluleke ngayo abantu kuye ngokuthi ‘mabaphathe’ zonke izinto azidalileyo emhlabeni. (INdu. 8:6) Ufuna abantu abangenasono bahoye indalo yakhe entle bevuya ngonaphakade. Ngaba umbulela qho uYehova ngale nto ivuyisa kangaka akuthembise yona?
Ngaba Uyambulela UYehova Ngezinto Akuphe Zona?
10 Indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyambulela uThixo ngokusenza sikwazi ukuthetha kukuxelela abantu abakholelwa ukuba izinto zazivelela ukuba zonke izinto zadalwa nguThixo. (INdu. 9:1; 1 Pet. 3:15) Abantu abakhuthaza loo mfundiso bafuna nathi sikholelwe ukuba umhlaba nazo zonke izinto ezikuwo zazivelela. Sinokummela uTata wethu osezulwini size sixelele abantu abanomdla wokusimamela isizathu sokuba siqiniseke ukuba nguYehova owadala izulu nomhlaba.—INdu. 102:25; Isa. 40:25, 26.
Ngaba Abanye Bayayithanda Indlela Othetha Ngayo?
13 Sukuzibamba xa ucula. Xa sicula iingoma zoBukumkani, eyona nto simele sicinge ngayo kukuba sifuna ukudumisa uYehova. Omnye udade onguSara ucinga ukuba akaculi kamnandi. Kodwa ufuna ukudumisa uYehova ngengoma. Xa elungiselela iintlanganiso, uye alungiselele neengoma eziza kuculwa. Uyaziprekthiza, azame ukubona ukuba amazwi azo adibana njani nezinto ekuza kuthethwa ngazo. Uthi: “Le nto indinceda ndicinge ngamazwi, ndingayihoyi kakhulu indlela endicula ngayo.”
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 832
Umnwe
Ngendlela efuziselayo, kuthiwa uThixo wenza imisebenzi esebenzisa iminwe yakhe, njengokubhala iMithetho Elishumi kumacwecwe amatye (Eks 31:18; Dut 9:10), ukwenza imimangaliso (Eks 8:18, 19), nokudala amazulu (INd 8:3). “Iminwe” kaThixo awayeyisebenzisa ukudala ifaniswa nomoya wakhe oyingcwele, okanye amandla akhe asebenzayo, njengoko kuboniswa kwingxelo engendalo ekwiGenesis, apho kuthiwa amandla akhe asebenzayo (ruʹach, “umoya”) ayezula-zula phezu kwaloo manzi. (Gen 1:2) Kodwa ke, iZibhalo zamaKristu zesiGrike zisenza siqonde kakuhle ukuba wawumela ntoni umnwe kaThixo, incwadi kaMateyu ichaza indlela uYesu awawusebenzisa ngayo ‘uMoya Oyingcwele kaThixo’ ukuze akhuphe iidemon ibe uLuka usixelela ukuba lo moya ‘yayingumnwe kaThixo.’—Mat 12:28; Luk 11:20.
FEBRUWARI 26–MATSHI 3
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 11-15
Khawuzibone Ukwihlabathi Elitsha LikaThixo Elinoxolo
Iimbalasane Zenxalenye Yokuqala Yencwadi YeeNdumiso
11:3—Ziziphi iziseko ezichithwayo? Ziziseko elizinze kuzo ibutho labantu—umthetho, ukulungelelana nokusesikweni. Xa ezi zinto zingahambi kunye, kubakho isiphithiphithi nokungabikho kokusesikweni. Kwiimeko ezinjalo, “nabani na olilungisa” umele akholose ngoThixo ngokupheleleyo.—INdumiso 11:4-7.
Ngaba Ihlabathi Elingenagonyamelo Liya Kuze Libekho?
IBhayibhile ithembisa ukuba uThixo uza kuwucoca lo mhlaba lungabikho ugonyamelo. Eli hlabathi lanamhlanje ligcwaliswe lugonyamelo lilindelwe ‘yimini kaThixo yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.’ (2 Petros 3:5-7) Abantu abasoze baphinde bangonwabi ngenxa yabantu abanogonyamelo. Unokuqiniseka njani ukuba uThixo ufuna nyhani ukuluphelisa nya ugonyamelo?
IBhayibhile ithi, uThixo “umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (INdumiso 11:5) UMdali uthanda uxolo nobulungisa. (INdumiso 33:5; 37:28) Yiloo nto engasoze aqhubeke ebanyamezela abantu abanogonyamelo.
Ngaba Ukulungele Ukulinda Ngomonde?
15 Yintoni eyabangela uDavide akulungele ukulinda ngomonde? Usiphendula kwakule ndumiso inye abuza kuyo kane umbuzo othi, “Koda kube nini na?” Uthi: “Ke mna, ndikholose ngobubele bakho bothando; mayivuye intliziyo yam ngosindiso lwakho. Ndiya kumvumela ingoma uYehova, kuba uqhubene nam ngokunomvuzo.” (INdu. 13:5, 6) UDavide wayesazi ukuba uYehova uyamthanda ibe akasoz’ amshiye. Wayejonge kwixesha uYehova awayeza kumhlangula ngalo, ibe ecinga nangezinto awayesele emvuze ngazo. UDavide wabona ukuba ukulinda kwakungeyonkcitha-xesha.
UBukumkani Bufeza Intando KaThixo Emhlabeni
16 Ukunqabiseka. Ekugqibeleni, amazwi avuyisayo akuIsaya 11:6-9 aya kuzaliseka ngokupheleleyo. Amadoda, abafazi nabantwana baya kuhamba bekhuselekile kuyo yonke indawo. Akukho sidalwa, enoba ngumntu okanye sisilwanyana, esiya kuboyikisa. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wexesha laxa wonke lo mhlaba uya kuba likhaya lakho, apho unokuqubha emilanjeni, kumachibi naselwandle; unqumle iintaba; uzulazule kumathafa aluhlaza ungoyiki nto. Naxa kusihlwa, awunaxhala lanto. Kuya kuzaliseka amazwi akuHezekile 34:25, apho abantu bakaThixo beya ‘kuhlala ngonqabiseko entlango baze balale emahlathini.’
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Ngaba Utshintshile?
12 Okubuhlungu kukuba, nathi namhlanje singqongwe ngabantu abafanayo naba bachazwa nguPawulos. Basenokuvakalelwa kukuba kukushiywa lixesha ukuphila ngemilinganiselo okanye imigaqo ethile, batsho besithi akukho mntu umele anyanzele abanye ukuba baphile ngayo. Ootitshala nabazali abaninzi bavumela abantwana ukuba benze nantoni na abayithandayo. Bade babafundise nento yokuba “banenkululeko” yokuzigqibela ngento elungileyo nephosakeleyo. Bakholelwa ukuba akakho umntu onokuqiniseka ngeyona nto ilungileyo nengalunganga; yonke into ixhomekeke emntwini. Nabaninzi abathi bayakholelwa kuThixo bavakalelwa kukuba banenkululeko yokuzigqibela ngento elungileyo, akukho mfuneko yakuva ngoThixo. (INdu. 14:1) Le ndlela yokucinga inokuba yingozi kumaKristu okwenyaniso. Kunokuba lula kwabo bangalumkanga ukuwajonga ngolo hlobo amalungiselelo kaThixo. Banokusuka bayeke ukuthobela imiyalelo yebandla baze baqalise ukukhalazela yonke into abangayithandiyo. Basenokulithandabuza icebiso leBhayibhile ngokuphathelele iindlela zokuzonwabisa, ukusetyenziswa kweIntanethi nokusukela imfundo enomsila.