IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwbr25 Julayi iphe. 1-11
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyiela—2025
  • Imixholwana
  • JULAYI 7-13
  • JULAYI 14-20
  • JULAYI 21-27
  • JULAYI 28–AGASTI 3
  • AGASTI 4-10
  • AGASTI 11-17
  • AGASTI 18-24
  • AGASTI 25-31
Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyiela—2025
mwbr25 Julayi iphe. 1-11

Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

© 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania

JULAYI 7-13

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 21

Imigaqo Yobulumko Ukuze Nonwabe Emtshatweni

w03 10/15 4 ¶5

Unokuzenza Njani Izigqibo Zobulumko?

Izigqibo ezenziwe ngokungxama ngokulula zisenokuba ayizizo ezobulumko. IMizekeliso 21:5 iyalumkisa: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.” Ngokomzekelo, abakwishumi elivisayo abanentabatheko bafanele baziphe ixesha ngaphambi kokuba benze isigqibo sokutshata. Kungenjalo, basenokuwangqina eyinyaniso amazwi kaWilliam Congreve, umbhali wemidlalo yesiNgesi ngakusekuqaleni kwenkulungwane ye-18, owathi: “Ukutshata ngokungxama, kusenokusenza sizisole ithuba elide.”

g 7/08 7 ¶2

Indlela Yokuphumelela Emtshatweni

Zithobe. ‘Ungenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, ubagqala abanye njengabongamileyo.’ (Filipi 2:3) Iingxabano ezininzi emtshatweni zibangelwa kukuba elinye iqabane libeka ityala kwelinye xa kukho ingxaki kunokuba lizame ukuyisombulula. Ukuthobeka kwengqondo, kuya kukunceda ukuba ungabek’ ityala kwiqabane lakho xa ningavisisani.

w06 9/15 28 ¶13

‘Yiba Nemihlali Ngumfazi Wobutsha Bakho’

13 Kuthekani ukuba iingxaki zomtshato zibangelwa yindlela abaphathana ngayo abo batshatileyo? Kufuneka benze umgudu ukuze bazicombulule. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba sele isiba yinto yamihla le ukugrwangxulana. (IMizekeliso 12:18) Njengokuba kubonisiwe kwinqaku elandulela eli, oku kunokuba nemiphumo ebuhlungu. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Kulunge ngakumbi ukuhlala kwilizwe elisentlango kunokuhlala nomfazi onosukuzwano kunye nengqumbo.” (IMizekeliso 21:19) Ukuba ungumfazi kuloo mtshato, zibuze, ‘Ngaba ndenza kube nzima ukuba umyeni wam ahlale nam?’ IBhayibhile ithi kumadoda: “Hlalani nibathanda abafazi benu, ningavuthi ngumsindo ngakubo.” (Kolose 3: 19) Ukuba uyindoda, zibuze, ‘Ngaba ukungabonisi kwam uthando, kwenza umfazi wam aye kufuna intuthuzelo kwabanye?’ Kakade ke, asikho isizathu anokuzithethelela ngaso umntu okrexezayo. Kodwa, isibakala sokuba isenzeka le ntlungu senza sifune ukuxubusha phandle ngezi ngxaki.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w05 1/15 17 ¶9

Iziprofeto EzingoBukumkani BukaThixo Ziyazaliseka

9 UYesu akasenguye nje umntu okhwele kwithole le-esile, ngoku unguKumkani onamandla. Uchazwa njengokhwele ihashe—umqondiso weBhayibhile wemfazwe. (IMizekeliso 21:31) ISityhilelo 6:2 sithi: “Khangela! ndabona nalo ihashe elimhlophe; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesaphetha; yaye wanikwa isithsaba, waza waphuma esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.” Ukongezelela, ethetha ngoYesu, umdumisi uDavide wabhala: “Intonga yamandla akho uYehova uya kuyithumela iphuma eZiyon, esithi: ‘Hamba usoyisa phakathi kweentshaba zakho.’”—INdumiso 110:2.

JULAYI 14-20

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 22

Imigaqo Yobulumko Yokukhulisa Abantwana

w20.10 27 ¶7

Ngaba Baza Kumkhonza Naxa Bebadala UThixo?

7 Ukuba nitshatile kwaye nifuna ukuba nabantwana, khanizibuze: ‘Ngaba sithobekile kwaye siyamthanda uYehova neLizwi lakhe? Ngaba uYehova ebeza kusikhethela ukuba sikhulise usana?’ (INdu. 127: 3,  4) Ukuba sowunabantwana, khawuzibuze: ‘Ngaba abantwana bam ndibafundisa indlela ekunceda ngayo ukusebenza nzima?’ (INtshu. 3: 12, 13) ‘Ngaba ndenza konke okusemandleni am ukuze ndibakhusele kwiingozi abaza kudibana nazo kweli hlabathi likaSathana?’ (IMize.  22:3) Akunakukwazi ukukhusela abantwana bakho kuzo zonke iingxaki abadibana nazo. Unokubanceda balungele iingxaki abaza kudibana nazo ebomini ngokubafundisa ukuba xa beneengxaki, bajonge amacebiso eBhayibhileni. (Funda IMizekeliso 2: 1-6.) Ngokomzekelo, ukuba omnye umntu enizalana naye ukhetha ukuyeka ukukhonza uYehova, bancede bafunde ukuba iLizwi LikaThixo lithi kutheni kubalulekile ukunyaniseka kuYehova ngalo lonke ixesha. (INdu. 31:23) Ukuba niswelekelwa ngumntu enimthandayo, babonise iivesi zeBhayibhile ezinokubanceda bathuthuzeleke baze baxole.—2 Kor. 1: 3,  4; 2 Tim. 3: 16

w19.12 26 ¶17-19

Bazali—Fundisani Abantwana Benu Ukuthanda UYehova

17 Bafundiseni besebancinci. Kubalulekile ukuba abazali babafundise besebancinci abantwana babo. (IMize.  2:6) Khawucinge ngoTimoti owakhe wahamba nompostile uPawulos. Umama wakhe, uYunike, nomakhulu wakhe uLoyisi, bamfundisa “kwasebusaneni.”—2 Tim. 1:5; 3:15.

18 UJean-Claude noPeace baseCôte d’Ivoire bakwazi ukunceda abantwana babo ukuba bakhule bemthanda uYehova. Bancedwa yintoni? Benza njengoYunike noLoyisi. Bathi: “Salibethelela iLizwi LikaThixo ebantwaneni bethu beseziintsana. Le nto sasiyenza emva nje kokuba bezelwe.”—Dut. 6:6, 7.

19 Kuthetha ukuthini “ukubethelela” iLizwi LikaYehova ebantwaneni? “Ukubethelela” kuthetha “ukufundisa nokuphindaphinda le nto uyifundisayo.” Ukuze abazali bakwazi ukuyenza le nto, kufuneka bahlale bencokola nabantwana babo. Kusenokucaphukisa ngamanye amaxesha ukuphindaphindana nento enye emntwaneni. Kodwa bazali, le yindlela yokunceda abantwana benu baliqonde iLizwi LikaThixo baze benze into eliyitshoyo.

w06 4/1 9 ¶4

Bazali—Yibani Yimizekelo Emihle Kubantwana Benu

Kakade ke, abantwana baya kuhlala bengabantwana, ibe abanye baneenkani yaye bangoobholel’ ecaleni. (Genesis 8: 21) Yintoni ke enokwenziwa ngabazali? IBhayibhile ithi: “Ubudenge bubotshiwe entliziyweni yenkwenkwe; intonga yengqeqesho iya kubushenxisela kude kuyo.” (IMizekeliso 22:15) Abanye bakujonga njengempatho-mbi ephelelwe lixesha oku. Eneneni, iBhayibhile iyalukhaba ugonyamelo nokuxhatshazwa kwalo naluphi na uhlobo. Nakuba maxa wambi, “intonga” ithetha ukohlwaya ngokoqobo, kodwa ibhekisela ekusebenziseni kwabazali igunya ngendlela engayekeleliyo kodwa enothando nefanelekileyo ekubeni bexhalabele intlalo-ntle yabantwana babo.—Hebhere 12: 7-11.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w21.08 22 ¶11

Vuyiswa Zizinto Okwaziyo Ukuzenzela UYehova

11 Nathi, sinokuvuya ngaphezu kokuba sivuya xa sizinikela kuwo nawuphi na umsebenzi esiwenzayo entlanganweni. ‘Masixakeke kakhulu’ kumsebenzi wokushumayela, sisebenze ngamandla ebandleni. (IZe. 18:5; Heb. 10:24, 25) Masiye silungiselele kakuhle kwiintlanganiso ukuze iimpendulo zethu zibakhuthaze abazalwana noodade. Xa unentetho kwiintlanganiso zaphakathi evekini, sukwenza njee, yilungiselele kakuhle. Ukuba kukho umsebenzi ocelwe ukuba uwenze ebandleni, wenze ngexesha nangendlela ekufuneka uwenze ngayo. Makungabikho nomnye umsebenzi owunikwayo ocinga ukuba awubalulekanga, akunakude uchithe ixesha lakho kuwo. Zama ukuwenza kakuhle ngaphezu kokuba usenza umsebenzi owunikiweyo. (IMize.  22:29) Xa usiya umsebenzela ngamandla uYehova, niza kuba ngabahlobo. Loo nto iza kukuvuyisa kakhulu. (Gal. 6:4) Akuzukuba nzima nokuvuyela abanye abazalwana abafumene umsebenzi obuwufuna.—Roma 12:15; Gal. 5:26.

JULAYI 21-27

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 23

Imigaqo Yobulumko Enokukunceda Ubusebenzise Kakuhle Utywala

w04 12/1 19 ¶5-6

Yiba Nembono Elungeleleneyo Ngokusetyenziswa Kotywala

5 Kuthekani ukuba umntu uyasela kodwa eqiniseka ukuba akade abonakale enxilile? Bambi bayagalela kodwa bangaze babonakale benxilile. Noko ke, ukucinga ukuba ukwenjenjalo akuyongozi, kukuzidyobha intshong’ emehlweni. (Yeremiya 17:9) Ngokuthe ngcembe, ubani usenokuqalisa ukungakwazi ukuphila ngaphandle kotywala ngaloo ndlela esiba ‘likhoboka lewayini eninzi.’ (Tito 2:3) Ethetha ngendlela ubani aqalisa ngayo ukuba linxila, uCaroline Knapp ongumbhali uthi: “Ubani uqala kancinane, ngokuthe ngcembe, ngendlela engaqondakaliyo.” Hayi indlela okuyingozi ngayo ukusela ngokugqithiseleyo!

6 Kwakhona khawucinge ngesilumkiso sikaYesu esithi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. Kuba iya kubazela bonke abahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba.” (Luka 21:34, 35) Akuyomfuneko ukuba ubani asele de anxile ngaphambi kokuba ozele aze adangale ngokwasemzimbeni nangokomoya. Kuthekani ukuba imini kaYehova inokufika kanye enjalo?

it-1-E 656

Ukunxila

Ukunxila kuyagxekwa yiBhayibhile. Ukusela utywala de unxile yinto engqubanayo nomthetho oseBhayibhileni. Isilumko esabhala incwadi yeMizekeliso sisizobela umfanekiso ngqondweni ocacileyo wento enokwenzeka xa sisebenzisa kakubi utywala. Uthi: “Ngubani osezintlungwini? Ngubani ongakhululekanga? Ngubani onoqhushululu? Ngubani onezikhalazo? Ngubani onamanxeba ngaphandle kwezizathu? Ingubani onamehlo orhatyazo? Ngabo bathi behleli nje babe besela iwayini, ufike bekhangela iwayini exutyiweyo. Sukube ubukana nobubomvu bayo, xa ibengezela endebeni [xa inomtsalane ngendlela ebaxekileyo], isehla kamnandi [okanye lula] ngomqala. Kuba ekugqibeleni iluma okwenyoka, ize ikhuphe ityhefu okwerhamba [inokumgulisa umntu (ngokomzekelo inokummosha isibindi) aze aphazamiseke nasengqondweni, ibe isenokumbulala nokumbulala]. Amehlo akho aza kubona izinto ezingaqhelekanga [utywala buye buphazamise indlela umntu acinga ngayo; uye abenesibindi ngokugqithisileyo; uye abone izinto ezingabonwayo; uye azilibale ezona zinto zenzekileyo, ekhumbula kuphela izinto ezintle ezenzeke engqondweni yakhe; uye aziphathe ngendlela ebonisa ukuba akakhathali ukuba abantu bacinga ntoni], nentliziyo yakho iza kuthetha izinto ezijijekileyo [ungakwazi ukulawula izinto ozicingayo nozinqwenelayo].”—IMi 23:29-33; Hos 4:11; Mat 15:18, 19.

Xa echaza izinto eziye zenzeke kumntu onxilayo, lo mbhali uqhubeka athi: “Ibe uza kuba njengomntu olele phakathi elwandle [abhideke njengomntu otshonayo aze ekugqibeleni afe isiqaqa], njengolele kwindawo ebamba iseyile yenqanawa [ekubeni le iyeyona ndawo ingazinziyo xa inqanawa idudulwa ngamaza okanye umoya, umntu onxilayo uba sengozini yokwenzakala, ukufumana istrowukhu, ukulwa, nezinye izinto]. ‘Bandibethile, kodwa andivanga ntlungu. Bandinkalile, kodwa andiyikhumbuli loo nto [uye azixelele loo nto ke umntu onxilayo; akayazi eyona nto ibisenzeka futhi khange azive neentlungu zale nto ibisenziwa kuye]. Ndiza kuvuka nini? Ndifuna ukuphinda ndisele [ngoku kufuneka alale de iphelele ibhabhalaza, kodwa akakwazi ukuphila ngaphandle kotywala ibe uzimisele ukuphinda abusele xa efumana ithuba].’” Ngenxa yokuba esebenzisa imali yakhe eninzi ethengana notywala, uza kuba lihlwempu kuba abantu abazukumthemba ibe akazukwazi nokusebenza.—Pr 23:20, 21, 34, 35.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w04 11/1 31 ¶2

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngokomzekelo, ukutyeba ngokugqithiseleyo kusenokuba luphawu lobudla-kudla, kodwa oko akusoloko kunjalo. Ubani usenokutyeba ngokugqithiseleyo ngenxa yokugula. Imfuza nayo isenokuba negalelo ekutyebeni ngokugqithiseleyo. Kwakhona sifanele sikhumbule ukuba ukutyeba ngokugqithiseleyo yinto ebonakalayo, ngoxa ubudla-kudla busisimo sengqondo sikabani. Ukutyeba ngokugqithiseleyo kuchazwa njengokuba nomzimba onamanqatha amaninzi, ngoxa ubudla-kudla ikukubawa okanye ukuba sisirhovu. Ngenxa yoko, ubudla-kudla abunakujongwa kubukhulu bomzimba womntu kodwa kwisimo sakhe sengqondo ngokutya. Ubani usenokuba nomzimba oqhelekileyo okanye omncinane sekunjalo abe lidla-kudla. Ngaphezu koko, umlinganiselo wesiqu esifanelekileyo wahluke gqitha kwiindawo ngeendawo.

JULAYI 28–AGASTI 3

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 24

Zomeleze Naxa Kunzima

it-E 2 610 ¶8

Ukutshutshiswa

AmaKristu: ayavuya kuba abo banyamezeleyo beza kuvuzwa. Uyesu wathi xa wayethetha ngalomvuzo: “Bonwabile abo baye batshutshiswa kuba besenza izinto ezilungileyo, kuba uBukumkani bamazulu bobabo.” (Mt 5: 10) Ulwazi abanalo ngethemba lovuko Nangalowo ubanika elothemba luyabaqinisa. Lubanceda bahlale bethembekile kuThixo nangona lonto isenokubenza babulawe. Ngenxa yokholo lwabo kukufa kuka Yesu baye bayeka ukoyika ukufa. (Heb 2:14, 15) Indlela amaKristu acinga ngayo ibalulekile ukuze ahlale ethembekile xa etshutshiswa. “Hlalani nicinga ngale ndlela wayecinga ngayo noKristu Yesu, . . . wazithoba wade wafa, efela kwisibonda sokungcungcutheka.” (Fil 2:5-8) “Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela isibonda sokungcungcutheka, engakukhathalelanga ukuhlazeka.”—Heb 12:2; jonga nezi 2Ko 12:10; 2Te 1:4; 1Pe 2: 21-23.

w09 12/15 18 ¶12-13

Hlala Uvuya Kumaxesha Obunzima

12 IMizekeliso 24:10 ithi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” Omnye umzekeliso uthi: “Ngenxa yobuhlungu bentliziyo umoya uyaxhwaleka.” (IMize. 15:13) Amanye amaKristu aye adandatheka kangangokuba ade ayeka ukufunda iBhayibhile nokucamngca ngeLizwi likaThixo. Xa ethandaza, adlulisa nje usana kunina yaye akahlanganisani namanye amaKristu. Ngoko ke, ukuhlala sidakumbile kunokuba yingozi.—IMize. 18:1, 14.

13 Kwelinye icala, xa sinesimo sengqondo esilungeleleneyo sinokucinga ngezinye izinto ezisonwabisayo ebomini. UDavide wathi: “Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile.” (INdu. 40:8) Xa izinto zingasihambeli kakuhle ebomini, asimele sicinge nokucinga ngokuyeka ukwenza izinto ezibalulekileyo kunqulo lwethu. Eyona ndlela yokuphelisa ukunxunguphala, kukwenza izinto ezisonwabisayo. UYehova uthi sinokuyoliswa kukufunda iLizwi lakhe rhoqo. (INdu. 1:1, 2; Yak. 1:25) KwiZibhalo eZingcwele nakwiintlanganiso zamaKristu, sifumana “amazwi athandekayo” anokusikhuthaza aze asenze sibe nemihlali.—IMize. 12:25; 16:24.

w20.12 15

Imibuzo Evela Kubafundi

IMizekeliso 24:16 ithi: “Ilungisa nokuba liwa kasixhenxe, liphinda livuke.” Ngaba le vesi ithetha ngomntu osoloko esenza isono aze axolelwe nguThixo?

Ayithethi loo nto. Ithetha ngomntu oba nengxaki emva kwenye, kodwa phezu kwazo nje ezo ngxaki, uphind’ aphakame.

Ngoko, iMizekeliso 24:16 ayithethi ngomntu owenza isono, ithetha ngomntu oba neengxaki. Kweli hlabathi lingendawo, ilungisa lisenokugula okanye libe nezinye iingxaki. Lisenokutshutshiswa ngurhulumente ngenxa yokholo. Kodwa liyamthemba uThixo ukuba uza kuba nalo aze alincede likwazi ukuzinyamezela de ziphele ezo ngxaki. Khawuzibuze, ‘Kukangaphi ndibona abakhonzi bakaThixo bephumela ngaphaya kweengxaki abebenazo?’ Yintoni ebenza bakwazi ukuzinyamezela de ziphele iingxaki abanazo? IBhayibhile isenza siqiniseke ukuba “uYehova uxhasa bonke abawayo, aze aphakamise bonke abaqubudileyo.”—INdu. 41:1-3; 145:14-19.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w09 10/15 12

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukuba indoda yayifuna “ukwakha indlu [yayo],” okanye iqalise intsapho ngokuthi itshate, kwakufuneka izibuze, ‘Ngaba ndikulungele ukunyamekela nokuxhasa umfazi nabantwana esinokuba nabo?’ Ngaphambi kokuba iqalise ukuba nentsapho, yayinomsebenzi efanele iwenze, ukunyamekela intsimi okanye isivuno. Ngoko, iToday’s English Version iyiguqulela ngokucacileyo le ndinyana isithi: “Ungayakhi indlu yakho uze uqalise ikhaya lakho de ulungise intsimi, yaye uqiniseke ukuba unemali yokuziphilisa.” Ngaba uyasebenza lo mgaqo namhlanje?

Uyasebenza. Umfana ofuna ukutshata ufanele azilungiselele kakuhle ukuze akwazi ukuthwala loo mbopheleleko. Ukuba unamandla, ufanele asebenze. Kakade ke, ukuzibhokoxa kwendoda emsebenzini ukuze inyamekele intsapho yayo akuphelelanga kwizinto zokwenyama. ILizwi likaThixo lithi ukuba indoda ayikwazi ukunyamekela intsapho yayo ngokwasemzimbeni, ngokweemvakalelo nangokomoya, imbi ngaphezu kongakholwayo. (1 Tim. 5:8) Ngenxa yoko, xa elungiselela umtshato nokuba nentsapho, umfana ufanele azibuze oku: ‘Ngaba ndikulungele ukunyamekela intsapho kwizinto eziphathekayo? Ngaba ndikulungele ukukhokela intsapho kwizinto zokomoya? Ngaba ndiza kukwazi ukusingatha imbopheleleko yokuqhubela umfazi nabantwana isifundo seBhayibhile?’ Ngokuqinisekileyo iLizwi likaThixo liyazibethelela ezo mbopheleleko zibalulekileyo.—Dut. 6:6-8; Efe. 6:4.

Ngoko ke umfana ofuna umfazi ufanele acingisise ngalo mgaqo ukwiMizekeliso 24:27. Ngokufanayo, ibhinqa eliselula linokuzibuza enoba likulungele kusini na ukusingatha iimbopheleleko zokuba ngumfazi nomama. Isibini esiselula sinokuzibuza imibuzo efanayo xa sicinga ngokukhulisa abantwana. (Luka 14:28) Ukulandela olo khokelo luphefumlelweyo kunokunceda abantu bakaThixo bakuphephe ukuzifaka entlungwini baze banandiphe ubomi bentsapho obonwabisayo.

AGASTI 4-10

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 25

Imigaqo Yobulumko Yendlela Yokuthetha

w15 12/15 19 ¶6-7

Lusebenzise Kakuhle Ulwimi Lwakho

6 Kutheni kubalulekile ukukhetha ixesha elifanelekileyo lokuthetha? IMizekeliso 25:11 ithi: “Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.” Mahle ama-apile egolide, kodwa angaba mahle nangakumbi xa ekwisitya sesilivere. Ngokufanayo, sisenokuba nento entle yokuthetha emntwini. Kodwa ukuba sikhetha ixesha elifanelekileyo lokuyithetha, sinokumnceda kakhulu loo mntu. Singakwenza njani oku?

7 Ukuba sithetha ngexesha elingafanelekanga, abantu basenokungakuqondi okanye bangakwamkeli oko sikuthethayo. (Funda iMizekeliso 15:23.) Ngokomzekelo, ngoMatshi 2011 inyikima netsunami zatshabalalisa izixeko ezininzi kwimpuma yeJapan. Kwafa abantu abangaphezu kwe-15 000. Nangona amaNgqina kaYehova amaninzi afelwa ngamalungu entsapho nabahlobo, ayefuna ukusebenzisa iBhayibhile ukunceda abanye ababekwimeko efanayo. Kodwa ayesazi ukuba abaninzi kwabo bantu babengamaBhuda ibe babengenalwazi lungako ngeBhayibhile. Ngoko kunokuba abaxelele ngovuko, abathuthuzela aza abachazela isizathu sokuba abantu abalungileyo besehlelwa zizinto ezimbi.

w15 12/15 21 ¶15-16

Lusebenzise Kakuhle Ulwimi Lwakho

15 Ibaluleke kakhulu indlela esithetha ngayo nabanye. Abantu babekuthanda ukummamela uYesu kuba wayethetha ‘kamnandi,’ nangembeko. (Luka 4:22) Xa sinembeko, abantu baya kusimamela baze bayamkele into esiyithethayo. (IMi 25:15) Siya kuthetha kakuhle nabantu xa sibahlonela yaye siyikhathelele indlela abavakalelwa ngayo. Yiloo nto kanye eyenziwa nguYesu. Ngokomzekelo, xa wabona abantu abaninzi bezama ukummamela, wabamkela waza wabafundisa. (Marko 6:34) Naxa wayethukwa ngabantu, uYesu akazange athi, ‘Nani!’.—1 Pe 2:23.

16 Nangona siyithanda intsapho yethu nabahlobo, sisenokungahoyi xa sithetha nabo kuba sibaqhelile. Sisenokucinga ukuba singathetha nanjani na nabo. Kodwa uYesu akazange nanini na athethe kakubi nabahlobo bakhe. Xa babephikisana ngokuba ngubani omkhulu kubo, wabalungisa ngobubele waza wabenzela umzekelo ngomntwana ukuze abancede balungise indlela ababecinga ngayo. (Marko 9: 33-37) Abadala banokuxelisa umzekelo kaYesu ngokuba nobubele xa beluleka abanye.—Gal 6:1.

w95 4/1 17 ¶8

Masivuselelane Eluthandweni Nasemisebenzini Emihle—Njani?

8 Ekukhonzeni uThixo wethu, sonke sinokuvuselelana ngomzekelo. Ngokuqinisekileyo uYesu wabavuselela abaphulaphuli bakhe. Wayewuthanda umsebenzi wobulungiseleli bobuKristu ibe wabuphakamisa ubulungiseleli. Wathi kwakufana nokudla kuye. (Yohane 4:34; Roma 11:13) Ihlombe elinjalo linokusulela. Ngaba nawe ngokufanayo unokwenza abanye balubone uvuyo lwakho kubulungiseleli? Ngoxa ngobulumko ukuphepha ukuvakala ngathi uyaqhayisa, balisela abanye ebandleni amava akho amnandi. Xa umema abanye ukuba basebenze nawe, khangela ukuba akunakubanceda na bafumane uyolo lokwenene ekuthetheni nabanye ngoMdali wethu Ozukileyo, uYehova.—IMizekeliso 25:25.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-2-E 399

Ukuzola

Umntu ozolileyo ubonakala ezolile kuba enokholo ngenxa yento athembele ngayo. Akagungqi futhi akho nto inokumenza aphazamiseke kwindlela acinga ngayo. Ukungabinamoya uzolileyo kwenziwa kukungazithembi, ukukhathazeka, ukuphelelwa lukholo nethemba nokwenza izinto ungacinganga kuba ufuna ukuphuma kulo ngxaki. Umntu ongazolanga uchazwa kakuhle kwesi sibhalo kuba sithi: “Unjengesixeko esithyoboziweyo esingenaludonga, umntu ongakwaziyo ukuwubamba umsindo wakhe.” (IMi 25:28) Kulula ukuba acinge izinto ezimbi aze enze izinto ezingalunganga.

AGASTI 11-17

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 26

Hambela Kude ‘Kwisidenge’

it-2-E 729 ¶6

Imvula

Amaxesha onyaka. Mabini amaxesha onyaka awayebalulekile kwiLizwe Lesithembiso, lihlobo nobusika. Lama xesha asenokubizwa ngokuba lixesha lembalela nexesha lemvula. (Thelekisa Nd 32:4; Ngo 2:11, ftn.) Ukususela phakathi kuka Aprili ukuyo kutsho phakathi kuka Oktobha kuye kunganethi kangako. Ngelixesha imvula idla ngokunqaba kuba ilixesha lokuvuna. IMizekeliso 26:1 ibonisa ukuba ukunetha kwemvula ngexesha lokuvuna kuchazwa njengento engenakufana yenzeke. (Thelekisa 1Sa 12:17-19.) Ngexesha lemvula akusoloko kunetha qho; kuye kubekho neentsuku ezine langa. Kuba kusebusika, kuthi xa kunetha kubande kakhulu. (Ezr 10:9, 13) Ngenxa yalo nto, siyayixabisa indawo yokuzikhusela.—Isa 4:6; 25:4; 32:2; Yob 24:8.

w87 10/1 19 ¶12

Isohlwayo Siphumela Kwimiphumo Emihle

12 Abanye abantu kuye kufuneke ukuba bohlwaywe ngokuqatha njengoko IMizekeliso 26:3 ibonisa “Isabhokhwe sesehashe, umkhala ngowedonki, yona intonga yeyomqolo wezidenge.” Ngamanye amaxesha uYehova wayevumela amaSirayeli ukuba ajongane nemiphumo yokungathobeli kwawo: “Kuba bawavukela amazwi kaThixo, bawadelela amacebiso Oyena Uphakamileyo. Ngoko wabayekela ebunzimeni ukuze zithobeke iintliziyo zabo; bakhubeka, akwabakho mntu ubancedayo. Bakhala kuYehova bemcela ukuba abancede kwiingxaki zabo; wabasindisa kwiingxaki zabo” (INdumiso 107:11-13) Abanye abantu baye benze ngobudenge bangafuni tuu ukwamkela isohlwayo kude kufuneke ukuba bancanywe: “Umntu oyenza lukhuni intamo yakhe emva kokohlwaywa kaninzi uza kwaphulwa ngequbuliso, angaze aphiliswe.”—IMizekeliso 29:1.

it-2-E 191 ¶4

Isiqhwala, Ukuqhwalela

Umzekeliso. Wathi uKumkani osisilumko uSolomon, ‘Unjengomntu owenzakalisa iinyawo zakhe [aze aqhwalele] umntu othemba isidenge,’. Enyanisweni, umntu othemba isidenge aze asinike umsebenzi ufana nomntu ozidubula enyaweni. Ngokuqinisekileyo uza kuwubona umsebenzi wakhe ungaphumeleli, futhi naye onzakale.—IMi 26:6.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 846

Isidenge

Umntu ophendulana nesidenge “ngobudenge baso” uzithoba isidima ngokuxambhulisana naso, ize lonto imenze avumelane nendlela lowo usisidenge.acinga ngayo. Ukuze ke singafani nesidenge, imizekeliso isicebisa ngokuthi: “Sukusiphendula isidenge ngobudenge baso.” Kodwa kwelinye icala iMizekeliso:26:4, 5 iphinda ithi siphendule isidenge “ngobudenge baso”, ngokusimamela lo nto sithethayo, ngokusibonisa ukuba bubudenge indlela esicinga ngayo, nangokusibonisa ukuba indlela esicinga ngayo iphosakele lo nto inokusinceda.

AGASTI 18-24

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 27

Kusinceda Njani Ukuba Nabahlobo Bokwenene?

w19.09 5 ¶12

UYehova Uyabathanda Abantu Abathobekileyo

12 Umntu othobekileyo uyavuya xa elungiswa. Masenze umzekelo. Masithi ukwiintlanganiso. Emva kokuba uncokole nabantu abaninzi, omnye wabo ukubizela ecaleni aze akuxelele ukuba unokutya emazinyweni. Ngokuqinisekileyo, ungafa ziintloni. Kodwa awunakuvuya kuba ekuxelele? Unokude uthi ngekubhetele ukuba ubuxelelwe kwangoko. Ngendlela efanayo, simele sithobeke size sivuye xa umzalwana okanye udade esiba nesibindi aze asilungise. Siye sibone ukuba akasicaphukeli kodwa uyasithanda.—Funda iMizekeliso 27:5, 6; Gal. 4:16.

it-2-E 491 ¶3

Ummelwane

Kodwa ke, ukholo kunye nokuthembela kumhlobo, ngamaxesha anzima yinto ecetyiswayo kulo Mzekeliso: “Ungamlahli umhlobo wakho okanye umhlobo katata wakho, ungabalekeli endlini yomntakwenu xa usengxakini. Kubhetele ummelwane [sha khen] okufuphi kunomntakwenu okude.” (IMi 27:10) Apha umbhali uthi umhlobo osendeleyo nguye esinokufumana kuye uncedo kunomntakwethu okude, kuba yena usenokungakwazi ukusinceda ngendlela umhlobo osendeleyo ebenokusinceda ngayo.

w23.09 10 ¶7

Bantu Abasebatsha—Nifuna Ukuphila Ubomi Obunjani?

7 Enye into esiyifundayo kwisigqibo esingafanelekanga awasenzayo uYehowashe kukuba simele sibe nabahlobo abathanda uYehova, abafuna ukumvuyisa nabaza kusikhuthaza ukuba senze izinto ezilungileyo. Abahlobo bethu bafanele bangabi ngabantu abalingana nathi qha. Kaloku noYehowashe wayemncinci kakhulu kumhlobo wakhe uYehoyada. Nantsi imibuzo omele uzibuze yona ngabahlobo onabo: ‘Ngaba bandinceda ndibe nokholo olomeleleyo? Ngaba bandikhuthaza ukuba ndiphile ngendlela ethandwa nguYehova? Ngaba bayancokola ngoYehova neenyaniso zakhe ezibalulekileyo? Ngaba bayayihlonipha imithetho yakhe? Ngaba basoloko bendixelela le nto ndifuna ukuyiva, okanye baba nesibindi sokundilungisa xa ndiphuma endleleni?’ (IMize. 27:5, 6, 17) Xa sithetha inyani, awubadingi abahlobo abangamthandiyo uYehova. Kodwa ukuba bayamthanda, yithi nca kubo kuba baza kukunceda.—IMize. 13:20.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w06 9/15 19 ¶12

Iimbalasane Zencwadi YeMizekeliso

27:21. Ukudunyiswa kunokutyhila oko sikuko. Ukuba ukudunyiswa kusenza sivume ukuba sinetyala kuYehova kuze kusikhuthaze ukuba siqhubeke simkhonza, lo nto iya kutyhila ukuba sithobekile. Ukuba ukudunyiswa kusenza sizive siphakamile oko kuya kubonisa ukuba asithobekanga.

AGASTI 25-31

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 28

Yintoni Umahluko Phakathi Komenzi Bubi Nelungisa?

w93 5/15 26 ¶2

Ngaba Ulandela UYehova Ngokuzeleyo?

“KE WONA amalungisa akholosa njengengonyama.” (IMizekeliso 28:1) Anokholo, ngentembelo akholose ngeLizwi likaThixo, yaye ngenkalipho aqhubela phambili kwinkonzo kaYehova naxa ejamelene nayo nayiphi na ingozi.

it-2-E 1139 ¶3

Ukuqonda

Umntu oyekayo ukuthembela ngoThixo. Umntu oba ngumenzi bubi uye ayeke ukuthembela kuThixo xa esenza izigqibo. (Yob 34:27) Umntu onjalo uvumela intliziyo yakhe imqhathe angenzi ngobulumko. (Nd 36:1-4) Nokuba uthi uyamkhonza uThixo uthobela imithetho yomntu ngaphezu kwekaThixo. (Isa 29:13, 14) Uthethelela indlela yakhe embi yokuziphatha ngokuthi ‘ngumdlalo’ nje. (IMi 10:23) Uye enze izinto zobudenge ade acinge ukuba akabonwa nguThixo, ngokungathi amandla kaThixo okucinga akasasebenzi. (Nd 94:4-10; Isa 29:15, 16; Yer 10:21) Indlela azenza ngayo izinto kubangathi uthi “Akekho uYehova,” ngoko uye angacingi ngaye. (Nd 14:1-3) Kuba engayithobeli imigaqo kaThixo akakwazi kuzibona kakuhle izinto ahlole neemeko ukuze akwazi ukwenza isigqibo esihle.—IMi 28:5.

it-1-E 1211 ¶4

Ukuthembeka

Ukuhlala sithembeke kanjalo, kunokwenzeka kungekhona ngamandla omntu ngamnye okuziphatha kodwa nangokuba nokholo olomeleleyo nokuthemba amandla kaYehova okusindisa. (Nd 25:21) UThixo uthembisa ukuba uza kuba “likhaka” kwabo bahlala bethembekile. (IMi 2:6-8; 10:29; Nd 41:12) Kuba bezimisele ukuvuyisa uYehova, baza konwaba ebomini batsho bakwazi ukwenza izinto abafuna ukuzenza. (Nd 26:1-3; IMi 11:5; 28:18) UYobhi wayekhathazwa yinto yokuba abantu abalungileyo besiva ubuhlungu ngenxa kaSathana futhi besenokufa kunye naye. Kodwa uYehova uthi uyazazi izinto ezehlela amalungisa ibe uthembisa ukuba ilifa lawo liza kuhlala ngonaphakade. Aza kuhlala eseluxolweni aze afumane ilifa lezinto ezilungileyo. (Yob 9:20-22; Nd 37:18, 19, 37; 84:11; IMi 28:10) NjengoYobhi kubhetele sithembeke kunokuba sibe zizityebi ezihlonitshwayo. (IMi 19:1; 28:6) Abantwana abanabazali abanje bavuya nyhani. (IMi 20:7) Kaloku bafumana ilifa elihle kumzekelo wobomi bukatata wabo, bavuye nangokubizwa ngegama lakhe elilungileyo nentlonipho ayifumeneyo.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

w01 12/1 11 ¶3

Unokusithintela Isifo Sentliziyo Sokomoya

Ukuzithemba ngokugqithiseleyo. Amaxhoba amaninzi esifo sentliziyo adla ngokuzithemba ngokugqithiseleyo ngempilo yawo ngaphambi nje kokuba ahlaselwe sisifo sentliziyo. Ngokufuthi, adla ngokungazikhathazi ngokufuna ukuxilongwa okanye kube yinto nje ekuqhulwa ngayo njengento engenamsebenzi kwaphela. Ngokufanayo, bambi banokuvakalelwa kukuba ekubeni sele benethuba bengamaKristu, akukho nto inokwenzeka kubo. Basenokukutyeshela ukuzixilonga ngokomoya de kwehle intlekele. Kubalulekile ukukhumbula isiluleko esihle nxamnye nokuzithemba ngokugqithiseleyo njengoko sanikelwa ngumpostile uPawulos: “Ngenxa yoko lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.” Ikhondo lobulumko kukuba siziqonde ukuba asifezekanga size sizixilonge rhoqo ngokomoya.—1 Korinte 10:12; IMizekeliso 28:14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share