IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • hdu isahl. 1
  • Ukuqhutywa Kweentlanganiso NgoZoom

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuqhutywa Kweentlanganiso NgoZoom
  • Indlela Esetyenziswa Ngayo Iminikelo Yakho
  • Amanqaku Afanayo
  • Sinokunceda Njani?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Kutheni Simpha Izinto UYehova Kodwa Unento Yonke?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • ‘Isipho Esinikelwa Ngesandla KuYehova’
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
  • Siyambulela UYehova Ngothando Lwenu
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
Khangela Okunye
Indlela Esetyenziswa Ngayo Iminikelo Yakho
hdu isahl. 1
Collage: 1. Intsapho ibukele iintlanganiso ngoZoom. 2. Umzalwana uyihost kwiintlanganiso eziqhutywa ngoZoom. 3. Umzalwana wenza intetho esebenzisa uZoom.

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Ukuqhutywa Kweentlanganiso NgoZoom

JUNI 26, 2020

Oorhulumente abaninzi emhlabeni wonke baye ababavumela abantu ukuba basondelelane okanye babe ngamaqela. AmaNgqina KaYehova aye abathobela, kodwa khange ayeke ukuhlanganisana ukuze anqule kunye. Amabandla aye asebenzisa ii-apps zevideoconferencing ezifana noZoom ukuze aqhube iintlanganiso.

IQumrhu Elilawulayo liye lagqiba ukuba kuthengelwe amabandla angakwaziyo ukuzibhatalela ii-accounts zikaZoom ukuze zibekho qho iintlanganiso yaye zikhuseleke. Oku kuwancede kakhulu amabandla amaNgqina KaYehova amaninzi njengoko bekungekho lula kuwo ukubhatala imali eyi-R250 okanye ngaphezulu qho ngenyanga. Amanye ebekade esebenzisa ii-apps ezingabhatalelwayo nezingakhuselekanga ibe bezivumela inani elincinci labavakalisi ukungena kwiintlanganiso. Ngoku, asebenzisa uZoom othengwe yintlangano, ayakwazi ukuqinisekisa ukuba zikhuselekile ibe wonke umntu angangena. Kumazwe angaphezulu kwe-170, amalunga ne-65 000 amabandla asebenzisa uZoom.

Elinye ibandla elatshintshela kulo Zoom wentlangano yiKairagi, eIndonesia, kwidolophu yaseManado ekumntla weSulawesi. Umzalwana okweli bandla uHadi Santoso uthi: “Ngoku kulula kubazalwana noodade abangaqhelanga ukusebenzisa izixhobo zeintanethi ukubakho kwiintlanganiso kuba lo Zoom akamane ecima njenge-apps ezingabhatalelwayo.”

ULester Jijón, Jr, ongumdala kwibandla laseGuayacanes Oeste, eGuayaquil, e-Ecuador, uthi: “Kuba abazalwana noodade bengenamali ininzi, amanye amabandla ebengazukukwazi ukuthenga ilayisensi kaZoom eyenza kungene abantu abaninzi kwiintlanganiso. Ngoku, ngenxa yalo Zoom simthengelwe yintlangano, siyakwazi ukumema abantu abaninzi singenaxhala.”

UJohnson Mwanza ongumdala kwibandla laseNgwerere North, eLusaka, eZambia, uthi: “Abazalwana noodade abaninzi baye bathi, ‘eli lungiselelo likaZoom wentlangano, alisenzanga saziva sisondelelene nabazalwana noodadewethu nje kuphela, kodwa lisenze saziva sithandwa yaye sikhathalelwe nguYehova.’”

Ukuze kuthengwe lo Zoom, kuye kwasetyenziswa imali yokunceda xa kwehle iintlekele. Le mali isuka kwiminikelo yokuzithandela enikelwa kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Abantu abaninzi basebenzisa u-donate.jw.org xa benikela. Enkosi ngeminikelo yakho, ekwanceda xa kwehle iintlekele emhlabeni wonke.—2 Korinte 8:14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share