Ihlabathi Elibanjiswe Kukutshaya
UBILL wayeyindoda enobubele, ekrelekrele yaye enamandla. Wayeyithanda intsapho yakhe. Noko ke, waqala ukutshaya imidiza esemncinane. Kamva waqalisa ukuwuthiya lo mkhwa. Kwanaxa wayetshaya umdiza, wayesithi gqolo elumkisa oonyana bakhe ngokutshaya, ebonisa indlela ekububudenge ngayo. Maxa wambi wayedla ngokushwabanisa ipakethe yomdiza ngezo zandla zakhe zikhulu aze ayitshukutshele kwelo gumbi akulo, efunga ngelokuba ugqibelisile ukutshaya. Noko ke, kungekudala, wayephinda atshaye—eyifihla kuqala, andule ke ayenze ngokukhululekileyo.
UBill wabulawa ngumhlaza kwiminyaka eli-15 eyadlulayo, emva kweenyanga eziliqela esezintlungwini ezingathethekiyo. Ukuba wayengeyontshayi, mhlawumbi ngeba usaphila nanamhlanje. Umfazi wakhe ngeba usenomyeni; oonyana bakhe basenobawo.
Nangona ukufa kukaBill kwabangela intlungu kwintsapho yakhe, akuyonto intsha. Ngokutsho kweWorld Health Organization (iWHO), izifo ezibangelwa licuba zibulala malunga nabantu abazizigidi ezine nyaka ngamnye, okanye umntu omnye kwimizuzwana esibhozo. Icuba lingoyena nobangela wesifo unokuthinteleka ehlabathini lonke. Ukuba izinto ziqhubeka ngolu hlobo, kwiminyaka engama-20 ukutshaya kuya kunkqenkqeza phambili ekubangeleni ukufa neziphene, kubulala abantu abangakumbi kunoGawulayo, isifo sephepha, ukufa kwabantwana besazalwa, iingozi zeenqwelo-mafutha, ukuzibulala, kwakunye nokubulawa kwabantu.
Imidiza iyabulala. Kodwa itshaywa ehlabathini lonke. IWHO ithi, ehlabathini lonke, bamalunga ne-1,1 lamawaka ezigidi abantu abaziintshayi. Oko kuthetha ukuba ngabantu abasele bekhulile abamalunga nesinye kwisithathu ehlabathini.
Abahlalutyi baqikelela ukuba ngoxa iinkampani zecuba ngoku zihlawula amakhulu ezigidi zeerandi ngenxa yemithetho ewiswa nxamnye nazo, nto leyo encinane xa ithelekiswa nengeniso yezigidi ngezigidi zeerandi eziyenzayo. EUnited States kuphela, kuqikelelwa ukuba kuveliswa i-1,5 lamawaka ezigidi zemidiza kwimizi-mveliso yayo mihla le. Ehlabathini lonke iinkampani zecuba namashishini karhulumente athengisa ngaphezu kwesihlanu samawaka ezigidi emidiza nyaka ngamnye!
Kutheni abantu abaninzi kangaka besithi gqolo kulo mkhwa uyingozi? Ukuba uyintshayi, ungayeka njani? Le mibuzo iya kuphendulwa kumanqaku alandelayo.