Okwenzeka Ehlabathini
◼ Ngowama-2006, “ziintatheli ezili-167 nabantu abasebenza nabo,” abaqhubi beemoto neetoliki “abaye bafel’ enkomeni.” Uninzi belunikela iindaba zolwaphulo-mthetho, urhwaphilizo okanye iingxwabangxwaba zasekuhlaleni. Malunga neentatheli ezili-133 ziye zagetyengwa.—INTERNATIONAL NEWS SAFETY INSTITUTE, BELGIUM.
◼ Kwenziwa malunga neembumbulu ezingamawaka ezigidi ezili-10 ukusa kwezili-14 ngonyaka, “ezi mbumbulu zanele ukuba zibulale abantu abaphila emhlabeni ngokuphindwe kabini.”—ROYAL MELBOURNE INSTITUTE OF TECHNOLOGY, AUSTRALIA.
Ngaba Ikho Inyikima Eyenziwa Ngabantu?
Ukususela ngenkulungwane ye-19, izinto ezenziwa ngabantu ziye zabangela iinyikima ezinkulu ezingama-200, ngokutsho kwengxelo yephephandaba laseJamani iDie Zeit. Imigodi ingunobangela wesiqingatha sezi nyikima. Abanye oonobangela ziigesi zemvelo, ioyile okanye amanzi amileyo kwezinye iindawo. Inyikima eyenzeka eNewcastle, eOstreliya yabulala abantu abali-13 yaza yangxwelerha abali-165 ibe kuqikelelwa ukuba umonakalo owenziwa yile nyikima uxabisa amawaka ezigidi ezingama-25 eerandi yaye izazinzulu zatyhola umgodi wamalahle njengesizekabani. Kufunyaniswe ukuba umonakalo obangelwe zezi nyikima ungaphezulu kwemali yengeniso eyenziwe ngulo mgodi waseNewcastle kwiinkulungwane ezimbini ezidluleyo.
Imeko YamaKatolika Efransi
Ngowe-1994 eFransi abantu abangama-67 ekhulwini babesithi bangamaKatolika. Iphephancwadi iLe Monde des Religions lithi namahlanje angama-51 ekhulwini. Uhlolisiso ludiza ukuba isiqingatha samaKatolika eFransi luya kuphela ecaweni xa kukho iziganeko ezikhethekileyo njengomtshato. Nangona ama-88 ekhulwini esithi uBawo Wethu Wasezulwini amazi ngentloko, ama-30 ekhulwini akazange akhe awenze lo mthandazo. Phantse ibe sisiqingatha semizi yamaKatolika sinayo iBhayibhile kodwa oku akuthethi kuthi ayayifunda.
Kuyanda Ukuthintitha Ebantwaneni
Iphephancwadi lasePoland iWprost lithi: “Baya ngokwanda abantwana abaqalisa ukuthetha sele beqabukile yaye abanasigama kangako ngenxa yokuba abazali babo abancokoli nabo. Ngokomlinganiselo oonina bachitha malunga nemizuzu engama-30 ngosuku nabantwana babo kanti ooyise “imizuzu esixhenxe kuphela.” Umphumo ke kukuba, umntwana omnye kwabahlanu “uyathintitha okanye uba nenye ingxaki yokuthetha yaye isizekabani kukungakhathalelwa ngabazali babo.” UMichał Bitniok, ingcali kwindlela yokuthetha nesazi ngeelwimi kwiYunivesithi yaseSilesian, ulumkisa ngelithi: “Ukuba abantwana baqhubeka bebethwa ngoyaba baze bangalufunelwa uncedo olufanelekileyo, ukuthintitha kwabo kuza kubangel’ iingxaki esikolweni naxa sele bengabantu abadala.”
Ukusebenzisa Iinkolelo EJapan
Ukulahlwa kwenkunkuma kumhlaba kamasipala kuyingxaki enkulu eJapan. Oonogada basemini abakwazi ukuthintela ukuchithwa kwenkunkuma kule ndawo. Into eyenziwa ngabantu beza nenkunkuma ebusuku. Umasipala usebenzisa iinkolelo ukuze abantu bangasondeli nenkunkuma kule ndawo, ngokufaka isango elibomvu elenziwe ngeplanga elifana nendawo engcwele yamaShinto. Iphephandaba i-IHT Asahi Shimbun lithi: “Liyasebenza eli cebo. Abantu abaninzi bayigqala itorii njengento engcwele, ngoko ke ukuchitha inkunkuma ecaleni kwayo kuya kubazisela amashwa.” Nangoku, abantu abasayichithi inkunkuma kule ndawo. Kodwa eli phephancwadi lithi: “Kumganyana nje ukusuka apho, uza kubona inkunkuma.”