Yintoni Eyenza Ezinye Iingoma Zidume?
XA ukwishishini lomculo kufuneka uhlale uthe qwa kuba izinto zitshintsha ngokukhawuleza yaye kukho nokhuphiswano. Umculo othandwa ngabantu utshintsha mihla le, iingoma ziyakhawuleza ukuphelelwa yaye kusoloko kukho izixhobo ezitsha zokuphulaphula umculo. Intatheli uKelli S. Burns ithi, iinkampani ezithengisa amacwecwe “zisoloko zikhangela ezona ngoma zintsha nezithandwayo.” Kodwa kunzima ukwenza ingoma ethandwa ngabantu bonke. Enye incwadi yezomculo ithi: “Abantwana abaninzi banamaphupha okuba ziimvumi . . . kodwa kufuneka ubile usoma ukuze ulifezekise elo phupha.”—Funda ibhokisi ethi “Utshintsho Kwishishini Lomculo,” kwiphepha 6.
Ukuqamba Ingoma
Ababhali (1) babhala iingoma eziza kuxhokroza iimvakalelo zabantu—ezibenza babe nethemba nezivisisana namaphupha kunye neemvakalelo zabo. Yintoni ekusoloko kuculwa ngayo? Luthando. Kwakhona, ababhali beengoma bazenza zibe nekhorasi eza kusoloko inkenteza ezingqondweni zabaphulaphuli.
Emva koko, umbhali wengoma udla ngokurekhoda ingoma yakhe aze ayise kwinkampani epapasha umculo. Ukuba abaphathi bale nkampani bacinga ukuba le ngoma inamathuba okuthengisa amacwecwe amaninzi, baye basayine isivumelwano sokurekhoda (2) kunye naloo mvumi. Kodwa ukuba abayithembi ncam le mvumi (mhlawumbi kuba ingaziwa), basenokuyithenga ingoma yayo kodwa besenzela ukuba iculwe yimvumi esele isaziwa kakade.
Kwigumbi Lokurekhoda
Xa kurekhodwa ingoma (3), iinkampani zokurekhoda zidla ngokuqesha umntu oyincutshe yomculo. Iba yile ncutshe ke ekhetha isingqi sengoma negqibayo enoba ingoma ikulungele kusini na ukurekhodwa. Kwakhona iba yiyo eqesha igumbi lokurekhoda, abantu abaza kuncedisa ekuculeni le ngoma, abo basebenza ngobuxhakaxhaka bokurekhoda kunye nazo zonke izinto ezifunekayo ukuze kurekhodwe uncuthu lwengoma.
Iingoma ezininzi zidla ngokurekhodwa ngokweenxalenye yaye kudla ngokuqalwa ngamagubu, izigingci nepiyano. Kamva, kurekhodwa ilizwi lemvumi, abo bayincedisayo kunye nezinye izinto ezifunekayo ukuze kuphume ingoma (4).
Ukuthengisa Iingoma
Ukuze zithengise iingoma zeemvumi zazo, iinkampani zokurekhoda zenza iividiyo zeengoma (5). Ezi vidiyo ezidla ngokuthatha imizuzu emithathu ukuya kwemihlanu zinceda imvumi ukuba ibonakale kumajelo eendaba ize ngaloo ndlela yaziwe ngabantu abaninzi. Nazo ezi vidiyo zenza ingeniso.
Ngokuqhelekileyo iimvumi zithengisa amacwecwe amaninzi kwindawo eziye zenza ikonsathi kuyo (6). Ngoko, xa zifuna ukuthengisa icwecwe lazo elitsha zidla ngokwenza ikonsathi kwiidolophu eziliqela. Kwakhona inkoliso yeemvumi idla ngokuba neWebhusayithi (7) yayo apho iye ifake iingoma zayo ezithile, iifoto, iividiyo, iindaba eziphathelele yona, iikonsathi zayo ezizayo, iseke iqela labalandeli bayo ukanti okubaluleke ngakumbi ichaze nendlela onokuthenga ngayo umculo kwi-Internet.
Ngubani ogqibayo enoba ingoma ethile iza kubalasela? Inyaniso kukuba, nguwe wena mphulaphuli. Uwukhetha kanjani ke ngoko umculo owuphulaphulayo? Ngaba uthanda isingqi, imvumi okanye ngaba unemilinganiselo ethile oyisebenzisayo xa uwukhetha? Le mibuzo ibalulekile kuba umculo unamandla ngeyona ndlela ebomini bakho. Oku kusikhumbuza icebiso loMdali elithi: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.”—IMizekeliso 4:23.
Unokulisebenzisa njani eli cebiso lobulumko xa ukhetha umculo? Ukuba ungumzali, unokuqiniseka njani ukuba unokubakhusela njani abantwana bakho ukuze kungonakaliswa ukholo, ingqondo neemvakalelo zabo?
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Utshintsho Kwishishini Lomculo
I-internet, izixhobo zokurekhoda kunye nobuxhakaxhaka bekhompyutha obubiza imali eninzi benza utshintsho olukhulu kwishishini lomculo. Namhlanje, iimvumi ziyakwazi ukurekhoda icwecwe elisemgangathweni zisekhaya zize zilisasaze umhlaba wonke. Iphephancwadi iThe Economist lathi, “iimvumi eziliqela ezidumileyo ziye zarekhoda zaza zathengisa amacwecwe ngaphandle kokusebenzisa iinkampani zokurekhoda.”