IBhayibhile—Ngaba Uyasazi Isigidimi Sayo?
● IBhayibhile yeyona ncwadi isasaziweyo embalini. Iintlanga zonke ziye zafumanisa ukuba isigidimi sayo siyathuthuzela, sesethemba yaye icebiso layo liyasebenza. Sekunjalo, zimbalwa izinto abazaziyo abantu abaninzi ngale ncwadi imangalisayo.
Incwadana ethi IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo? elula nenemifanekiso emihle inokukunceda uqonde iBhayibhile. Amacandelo ayo amabini okuqala athetha ngokubeka kukaThixo abantu bokuqala eparadesi nangendlela abaphulukana ngayo nayo. Kamva sifunda ngenjongo yoMdali yokubuyisela iparadesi esebenzisa uBukumkani bukaThixo, urhulumente wasezulwini ophantsi kukaYesu Kristu.
Amacandelo alandelayo athetha ngoYesu—ubulungiseleli bakhe, imimangaliso yakhe, ukufa kwakhe nokuvuka kwakhe. Kwakhona sichazelwa nangabalandeli bakaYesu bokuqala ababekhaliphile nemibhalo ephefumlelweyo, eyaba yinxalenye yeBhayibhile esiyaziyo namhlanje.
Amacandelo angama-26 ale ncwadana aqukunjelwa ngomxholo othi “Umhlaba Uba YiParadesi Kwakhona!” Kwiphepha lama-31 kukho umxholo othi “Isigidimi SeBhayibhile—Ushwankathelo.” Kulo kushwankathelwa izinto ezisixhenxe ezibalulekileyo ngokuphathelele injongo kaThixo ngoluntu.
Unokuzicelela ikopi yale ncwadana inemifanekiso inamaphepha angama-32, ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi efanelekileyo kwezikwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndicela nindithumelele incwadi eboniswe apha
□ Ndicela niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sesisa.