Okwenzeka Ehlabathini
Kwizinto ezingama-5 296 ekuthiwa aziyingcolisi indalo nekwaphandwa ngazo eKhanada naseUnited States, ezingama-95 ekhulwini “kwafunyaniswa ukuba abukho ubungqina obunokuthenjwa bokuba aziyingcolisi ngokwenene.”—ITIME, EUNITED STATES.
Oonogada besikhululo seenqwelo-moya saseBangkok “baba nesikrokro” xa babehlola umthwalo womnye umkhweli. Xa bavula enye yeebhegi zakhe, bafumana ithole lengwe eliphilayo litofwe ngesitofu esilalisayo.—IWORLD WILDLIFE FUND, ETHAILAND.
Izinto Ezahlukahlukeneyo Eziphila Kummandla WeAmazon
Ummandla okufutshane noMlambo iAmazon ungomnye weyona mimandla ineentlobo ezininzi zezinto eziphilayo emhlabeni. IWorld Wildlife Fund (WWF) ithi, kule minyaka ilishumi idluleyo kuye kwafunyanwa ngaphezu kwe-1 200 leentlobo ezahlukeneyo zezityalo nezezilwanyana, iintlanzi, izilwanyana ezihlala emanzini nasemhlabeni, ezirhubuluzayo, iintaka nezilwanyana ezanyisayo. Loo nto ithetha ukuba, ubuncinane kwiAmazon kufunyanwa uhlobo lwesityalo okanye isilwanyana esahlukileyo rhoqo ngeentsuku ezintathu. USarah Hutchison oligosa leWWF eBrazil uthi, “iyamangalisa indlela ezininzi ngayo izinto ezifunyanwayo yaye kweli nani azikaqukwa iintlobo ngeentlobo zezinambuzane ezibonwa apho.”
Uxinezeleko Emsebenzini
Umntu omnye kwabahlanu eFinland ucinga ukuba ukungakwazi ukugcina ingqondo isemsebenzini nokulibala kuyayiphazamisa indlela asebenza ngayo. I-Institute of Occupational Health yaseFinland ithi, iingxaki ezinjalo zixhaphakile kubantu abaneminyaka engaphantsi kwama-35 ubudala, ixesha ekufanele ukuba lelona ingqondo isebenza kakuhle ngalo. Ezinye zezinto ekuthiwa zibangela le ngxaki bubukho benkcazelo eninzi ngokugqithiseleyo nokutshintsha kweenkqubo zekhompyutha. UNjingalwazi Kiti Müller uthi: “Abantu abaninzi bathi ininzi kakhulu inkcazelo ekhoyo kangangokuba bakufumanisa kunzima ukukhetha eyona iza kubanceda kumsebenzi wabo.” IHelsinki Times ithi: “Xa uxinezeleko lungapheli, ingqondo ide iluqhele yaye loo nto inokusenza singakwazi ukuyiphawula into yokuba sithwele uxanduva oluninzi. Phofu ke loo nto siyibona kuphela xa sele sigula.”
Ngaba Ukucinga Ngemidlalo Yekhompyutha Enobundlobongela Kwenza Abantu Babe Ziindlobongela?
Umntu uyeka nini ukuba nomsindo emva kokuba eye wadlala umdlalo wekhompyutha onobundlobongela? Abaphandi bakhetha abafundi abangamadoda namabhinqa ukuba badlale imidlalo enobundlobongela naleyo ingenabo kangangemizuzu engama-20. Emva koko, isiqingatha seqela ngalinye sacelwa ukuba sicinge ngomdlalo ebesiwudlala. Ingxelo ithi: “Ngosuku olulandelayo, mntu ngamnye kweli qela wacelwa ukuba adlale nomnye awayecinga ukuba ukhuphisana naye, apho ophumeleleyo wayeza kohlwaya owoyisiweyo ngokungxola kufutshane nendlebe yakhe.” Amadoda ekwakuthiwe makacinge ngemidlalo enobundlobongela njengoko ayesenza loo ngxolo, ayebonakala enomsindo. Ababhali bolu phando olwalukwiphephancwadi iSocial Psychological and Personality Science bathi, “abantu badla ngokudlala imidlalo enobundlobongela ixesha elingaphezu kwemizuzu engama-20 yaye kusenokwenzeka ukuba basoloko becinga ngayo emva koko.” Akukho nto ingako yaphawulwayo kumabhinqa, kuba eneneni uninzi lwawo aluyithandi imidlalo enobundlobongela.