Indlela Yokuba Ngumhlobo KaThixo
● Koko kufundiswa yincwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 nenomxholo othi Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo. Izifundo zayo ezibangel’ umdla ziquka umxholo othi “UThixo Ukumema Ukuba Ube Ngumhlobo Wakhe” nothi “UThixo Ngoyena Mhlobo Ulungileyo Unokuze Ube Naye.” Le ncwadana inemifanekiso yenzelwe ukunceda umfundi azi iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile.
Kumxholo othi “Abahlobo BakaThixo Baya Kuhlala Eparadesi” le ncwadana inemifanekiso iyichaza ngokucacileyo injongo kaThixo ngomhlaba. Kodwa ke, ukuze sinandiphe iParadesi ethenjiswa yiBhayibhile kufuneka sifunde ngendlela afuna simnqule ngayo uThixo. Imixholo enje ngothi “Indlela Yokufumana Unqulo Lokwenyaniso” nothi “Luchase Unqulo Lobuxoki!” iza kukunceda ukuba ube ngumhlobo kaThixo uze ukholeke kuye. Siqinisekile ukuba uza kukuvuyela ukufunda le ncwadana inemifanekiso.
Unokuzicelela isifundo seBhayibhile kuquka nekopi yale ncwadana inemifanekiso ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndicela nindithumelele le ncwadana inemifanekiso iboniswe apha.
□ Ndicela niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sesisa.