IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/11 iphe. 13-15
  • Oko Kuthethwa Ngabazali

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oko Kuthethwa Ngabazali
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba IBhayibhile Inokukunceda Ekuqeqesheni Abantwana Bakho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ukukhulisa Abantwana Ukususela Ebusaneni De Bafikise
    Vukani!—2011
  • Abazali Abangenamaqabane, Baneengxaki Ezininzi
    Vukani!—2002
  • Indlela Yokufundisa Umntwana Wakho
    Ninako Ukonwaba Entsatsheni
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 10/11 iphe. 13-15

Oko Kuthethwa Ngabazali

Njengokuba abantwana bakho bekhula, unokubafundisa njani ukubaluleka kokuthobela? Unokubafundisa njani ukukwazi ukusebenza njengoko bekhula? Khawuve ukuba bathini abanye abazali.

UKUKWAZI UKUNCOKOLA NOKUSEBENZA

“Njengoko sisitya kunye size sincokole ngezinto ebezisenzeka ebudeni bemini, mntwana ngamnye ufunda ukuphulaphula. Xa bebona uNina noYise bephulaphulana, nabo bafunda ukuhlonelana nokuzihlonela.”—URichard, waseBritani.

“Kuyavuyisa ukubona abantwana bethu bephathana ngembeko yaye bekwazi ukuzicombulula ngokwabo iingxabano zabo. Kwakhona, bayakwazi ukuncokola nabantu abadala.”—UJohn, waseMzantsi Afrika.

“Andifezekanga yaye ngamanye amaxesha ndiye ndibakhathaze abantwana bam. Xa oko kusenzeka, kubalulekile ukuba ndicel’ uxolo.”—UJanelle, waseOstreliya.

“Sifundisa abantwana bethu ukukwazi ukwenza umsebenzi wasekhaya. Ukubafundisa ukusebenza ukuze bancede abanye kwenza izinto zihambe kakuhle entsatsheni kuze kubekho noxolo, nto leyo eyenza abantwana bazibone benegalelo.”—UClive, waseOstreliya.

“Akulula kodwa kubalulekile ukufundisa abantwana ukuba bazane, bahlonelane baze baxolelane.”—UYuko, waseJapan.

UKUCOCEKA NOKUBA SEMPILWENI

“Xa abantwana bethu babesebancinane, sabafundisa ukuzihlamba yaye sasikwenza kube mnandi oku ngokusebenzisa iisepha ezenziwe ngathi zizinto zokudlala nezinye ezazinemizobo.”—UEdgar, waseMexico.

“Xa sasihlala kwindawo engenampompo yamanzi, ndandisoloko ndibeka isepha namanzi ekuhleni ukuze sikwazi ukuhlamba izandla ngaphambi kokuba singene endlwini.”—UEndurance, waseNigeria.

“Abantwana bethu sibapha ukutya okunesondlo size sibachazele isizathu sokuba kubalulekile ukutya ukutya okusempilweni. Abantwana bayathanda ukwazi ukuba ndidibanisa ntoni xa ndipheka, ngoko ndiye ndithi mabandincedise. Ixesha esilichitha kunye sipheka lisenza sikwazi ukuncokola.”—USandra, waseBritani.

“Ukwenza umthambo kubalulekile, ibe thina bazali sizama ukubamisela umzekelo abantwana bethu. Abantwana bethu bayonwaba xa sibaleka, siqubha, sidlal’ intenetya, ibhola okanye sonke sikhwele iibhayisekile zethu. Loo nto ibafundisa ukuba ukwenza umthambo akubalulekanga nje kuphela kodwa kumnandi.”—UKeren, waseOstreliya.

“Kubalulekile ukuba abantwana bachithe ixesha bekunye nabazali babo. Imali, izipho okanye ukukhenketha akunako ukuthatha indawo yexesha abazali abalichitha nabantwana. Ndisebenza ekuseni xa abantwana besesikolweni. Ixesha lasemva-kwemini lelokuba ndibe kunye nabo.”—URomina, waseItali.

INGQEQESHO

“Siye safumanisa ukuba ayikho nye indlela efanelekileyo yokuqeqesha abantwana; kuxhomekeka kwiimeko. Ngamanye amaxesha ingqeqesho iquka ukuthetha naye umntwana, ukanti ngamanye amaxesha ukumbandeza izinto ezithile azithandayo.”—UOgbiti, waseNigeria.

“Siye sixelele abantwana bethu ukuba bayiphinde into esigqiba kubaxelela yona ukuze siqiniseke ukuba bayivile. Emva koko siye senze kanye loo nto besithe siza kuyenza. Ukuba sifuna abantwana bethu benze njengoko sibaxelela, kufuneka siqiniseke ukuba bayayifumana imiphumo yokungathobeli.”—UClive, waseOstreliya.

“Ndiye ndakufumanisa kusebenza ukuchopha xa ndithetha nabantwana ukuze ndikwazi ukubajonga emehlweni. Loo nto ibenza bandive kakuhle. Kwakhona, batsho bandibone nasebusweni ukuba andidlali.”—UJennifer, waseOstreliya.

“Siye sizame ukungawathethi amazwi anjengathi, ‘Aniva nina,’ naxa kubonakala ngathi sikho isizathu esivakalayo. Kwakhona, asimngxolisi umntwana phambi kwabanye. Siye sibasebezele okanye sibabizele ecaleni ukwenzela ukuba sikwazi ukuthetha nabo.”—URudi, waseMozambiki.

“Kulula ukuba abantwana baphenjelelwe ngabanye yaye bayakuthanda ukulinganisa abanye. Ngenxa yoko, sizama ukubafundisa ukuze bangafundi kubantwana abafunda nabo, kumajelo eendaba okanye ekuhlaleni yaye sinceda abantwana bethu babe nesimilo. Ukumfundisa isimilo umntwana kuyamnceda ukuba angazenzi izinto ezinokumenzakalisa.”—UGrégoire, waseDemocratic Republic of the Congo.

“Isohlwayo kufuneka sivakale, silingane nesono asenzileyo umntwana yaye umntwana ufanele esoloko esohlwaywa xa onile. Abantwana bafanele bawazi umphumo wokungathobeli yaye bazi ukuba xa bonile uza kubohlwaya.”—UOwen, waseNgilani.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]

“Musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangadakumbi.”—Kolose 3:21

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 15]

UBOMI BENTSAPHO

Ukuba Ngumzali Ongenaqabane

Udliwano-ndlebe kunye noLucinda Forster

Yiyiphi eyona nto uyifumanise inzima ngokuba ngumzali ongenaqabane?

Ukuba ngumzali kukodwa nje kunzima, kodwa ekubeni ndingumzali ongenaqabane ndikufumanise kunzima ukulisebenzisa kakuhle ixesha namandla am. Kuthatha ixesha ukuqeqesha abantwana uze kwangaxeshanye ube nexesha lokuphumla nokonwaba kunye nabo. Ndidla ngokuncama ixesha lam lokuphumla ukuze ndenze imisebenzi yasekhaya.

Wenza ntoni ukuze ukwazi ukuncokola ngokukhululekileyo kunye neentombi zakho?

Emva kokuba abazali beqhawule umtshato, abantwana banokuziva bengakhuselekanga yaye benomsindo. Ndiye ndafumanisa ukuba xa kuvela ingxaki, kubalulekile ukuba ubajonge emehlweni uze uthethe ngelizwi eliphantsi. Ndiye ndilinde de sonke siyeke ukuba nomsindo ndize ndizame ukuthetha nabo ngaphandle kokuzibaxa izinto. Ndibabuza iimbono zabo, ndibaphulaphule ndize ndibabonise ukuba ndiyikhathalele indlela abavakalelwa ngayo. Ndiba nomdla kumsebenzi wabo wesikolo ndize ndibancome ngezinto abazenzayo. Ngamaxesha okutya sihlala kunye yaye kuba mnandi. Kwakhona, ndisoloko ndibaxelela indlela endibathanda ngayo.

Ubaqeqesha njani?

Abantwana kufuneka bayichazelwe ngokucacileyo imithetho yaye kubalulekile ukuba ungathethi le namhlanje uze ngomso uthethe leya. Ndizama ukuba nobubele kodwa kwangaxeshanye umthetho ndiwenza ube ngumthetho. Ndiyabacacisela abantwana bam isizathu sokuba isenzo esithile singalunganga. Kwakhona, ndibabuza imibuzo ukuze ndive iimbono zabo ngaphambi kokuba ndibohlwaye, ukuze ndiqonde isizathu sokuba bone. Ukuba ndim owenze impazamo—ngokomzekelo njengaxa ndithe benze into abangayenzanga—ndiye ndicel’ uxolo.

Ubafundisa njani ukuhlonela abanye abantu abantwana bakho?

Ndibakhumbuza oko kwafundiswa nguYesu—ukuphatha abanye ngendlela obungathanda ukuphathwa ngayo. (Luka 6:31) Iintombi zam ndizikhuthaza ukuba zizilungise ngokwazo iingxabano zazo kangangoko kunokwenzeka yaye ndizifundisa ukubaluleka kokuzola naxa ucatshukisiwe.

Nenza ntoni ukuze nizihlaziye?

Asinayo imali yokusoloko sisiya kwiiholide, ngenxa yoko sikhangela kumaphephandaba izinto esinokuzenza ezingabizi mali ingako. Siyazikhupha ukuze siye kutyela kwipaki ethile okanye siye kubuka izityalo. Sityala imifuno egadini yethu ukuze sikwazi ukuyipheka. Kubalulekile ukuzonwabisa, enoba kuthetha ukuzikhupha niye nje kwipaki ekufutshane.

Yintoni eye yakuvuyisa yaye nguwuphi umvuzo oye wawufumana?

Kunzima ukuba ngumzali ongenaqabane, kodwa siye sevana nangakumbi yaye siye safunda ukuzixabisa iintsikelelo esinazo. Kuyandivuyisa ukubona umntwana ngamnye ekhula yaye esiba nobuntu bakhe. Ngoku bayakuthanda ukuhlala nam yaye ndiyayixabisa loo nto. Bayabona xa kukho into endikhathazayo yaye ngamanye amaxesha bayandithuthuzela. Indivuyisa kakhulu indlela abandithanda ngayo. Okubaluleke nangakumbi kukuba siye sayibona indlela asithanda ngayo uMdali oye wasinceda kwiingxaki zethu ezahlukahlukeneyo. IBhayibhile iye yandinika amandla okuqhubeka ndizama ukuba ngumzali olungileyo.—Isaya 41:13.

[Umfanekiso]

ULucinda neentombi zakhe uBrie noShae

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share