Oko Kuthethwa Ngabazali
Abazali bajamelana nocelomngeni olwahlukahlukeneyo xa abantwana babo befikisa. Unokumnceda njani umntwana wakho ukuze adlulele ngaphaya kweli nqanaba lobomi—ingakumbi njengokuba naye esenokuba ubhideke njengawe? Khawuve ukuba bathini abanye abazali.
UTSHINTSHO
“Xa wayesemncinane, unyana wam wayelamkela ngaphandle kokubuza icebiso lam. Kodwa xa wayefikisa, kwakubonakala ngathi akandithembi ncam. Wayedla ngokungavumelani kokubini noko ndikuthethayo kunye nendlela endikuthetha ngayo.”—UFrank, waseKhanada.
“Unyana wam akasancokoli njengokuba wayekade esenza ngaphambili. Ngoku kufuneka ndide ndimbuze into ayicingayo kunokuba ndicinge ukuba uza kusuka nje andixelele. Imibuzo uyiphendula nzima. Ewe kona ude aphendule—kodwa ke uthath’ ixesha lakhe.”—UFrancis, waseOstreliya.
“Kubalulekile ukuba nomonde. Ngamanye amaxesha siye sifune ukubangxolisa abantwana bethu, kodwa kusoloko kubhetele ukungabi namsindo xa uthetha nabo!”—UFelicia, waseUnited States.
UKUNCOKOLA
“Ngamanye amaxesha intombi yam iye ingathandi xa ndithetha nayo yaye icinga ukuba ndisoloko ndiyigxeka. Kuye kufuneke ndiyikhumbuze ukuba ndiyayithanda, ndingakuyo yaye ndifuna iphumelele!”—ULisa, waseUnited States.
“Xa babesebancinane, abantwana bam babendixelela yonke into. Kwakulula ukwazi izinto ababezicinga. Kodwa ngoku kufuneka ndichul’ ukunyathela ndize ndibabonise ukuba ndiyabahlonela. Kukubaphatha ngolo hlobo kuphela okuya kubenza bandixelele izinto abazicingayo.”—UNan-hi, waseKorea.
“Akwanelanga ukuxelela abantwana ukuba bangazenzi izinto ezithile. Kufuneka siqiqe kunye nabo size sincokole nabo ngendlela eya kubafikelela iintliziyo. Ukuze bakwazi ukuthetha nathi, kufuneka sikulungele ukubaphulaphula xa bethetha, enoba bathetha izinto esingazithandiyo.”—UDalila, waseBrazil.
“Xa kufuneka ndiyingxolise intombi yam, ndiye ndizame ukwenjenjalo xa sisedwa kunokuba ndiyingxolise phambi kwabanye abantu.”—UEdna, waseNigeria.
“Ngamanye amaxesha, xa ndithetha nonyana wam kukhe kubekho izinto ezindiphazamisayo ndize ndingamphulaphuli ncam. Uye ayibone loo nto yaye ndicinga ukuba eso sesinye sezizathu zokuba engakuthandi ukuthetha nam. Kuza kufuneka ndizame ukumphulaphula xa ethetha ukuze akwazi ukuthetha ngokukhululekileyo nam.”—UMiriam, waseMexico.
INKULULEKO
“Bendisoloko ndiba madolw’ nzima ukuvumela abantwana bam ukuba babe nenkululeko ethile yaye loo nto ibisoloko isixabanisa. Ndaye ndathetha nabo ngale nto. Ndabachazela isizathu sokuba ndoyike ukubanika inkululeko baza emva koko bandixelela isizathu sokuba bafune inkululeko engakumbi. Savumelana ukuba baza kufumana inkululeko engakumbi kodwa esikelwe umda.”—UEdwin, waseGhana.
“Unyana wam wayefuna isithuthuthu. Kangangendlela endandingasifuni ngayo, ndamngxolisa ndaza ndamxelela zonke iingozi zokuba naso ngaphandle kokumvumela ukuba azithethelele. Yamcaphukisa gqitha loo nto yaza yamenza wasifuna nangakumbi! Ndaxoza mphini wumbi. Ndacela unyana wam ukuba aphande zonke izinto ezibandakanyekileyo, kuquka iingozi, iindleko kunye nezinto ezifunekayo ukuze ube namaphepha-mvume kunye neinshorensi yesithuthuthu. Kwakhona, ndamcela ukuba abuze uluvo lwamanye amaKristu aqolileyo ebandleni. Ndaye ndabona ukuba, kunokuba ndibe ngqongqo kubhetele ndikhuthaze unyana wam ukuba andixelele ngokukhululekileyo izinto azifunayo. Loo nto yandenza ndakwazi ukuyifikelela intliziyo yakhe.”—UHye-young, waseKorea.
“Sasinemida ecacileyo kodwa ke sasiphinda sibanike inkululeko ngokuthe ngcembe. Xa abantwana bethu beyisebenzisa kakuhle inkululeko esibanike yona, sasibanika engakumbi. Sasivula amathuba okuba bafumane inkululeko engakumbi ukuze sibabonise ukuba sasifuna bayifumane; kodwa ke sasibohlwaywa xa beyisebenzise kakubi inkululeko esibanike yona.”—UDorothée, waseFransi.
“Ndandingabayeki abantwana benz’ unothanda. Kodwa ke, xa abantwana bam bethobela, ndandizenza izinto abazifunayo. Ngokomzekelo, ndandikhe ndibavumele ukuba babuye ngorhatya. Kodwa ndandibohlwaya xa beye babuya ebusuku ngaphandle kwemvume izihlandlo eziliqela.”—UIl-hyun, waseKorea.
“Zininzi izinto azenzelwa ngumqeshi wakhe umqeshwa oziphethe kakuhle. Ngokufanayo, unyana wam uyabona ukuba ufumana inkululeko engakumbi xa ethobela yaye eyihlonela imida esimbekele yona. Unyana wam uyazi ukuba kanye njengokuba umqeshwa esohlwaywa xa engawenzi kakuhle umsebenzi wakhe, naye uza kuphulukana nenkululeko yakhe xa eyisebenzisa kakubi.”—URamón, waseMexico.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]
“Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha, soze ahlukane nayo naxa selekhulile.”—IMizekeliso 22:6, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 23]
UBOMI BENTSAPHO
“Kumnandi Ukuba Ngumzali Wabantwana Abakwishumi Elivisayo”
UJoseph: Iintombi zam ezimbini ezindala zikwishumi elivisayo yaye ndifumanise ukuba kubalulekile ukuziphulaphula iimbono zazo. Ukuzivuma iimpazamo zam—ukuthetha ngentlonelo neentombi zam—kusinceda sikwazi ukuncokola ngokukhululekileyo. Icebiso elikwiLizwi likaThixo iBhayibhile likwenza kube lula ukukhulisa abantwana abakwishumi elivisayo.
ULisa: Ndafumanisa ukuba xa eyona ntombi yethu indala yayikwishumi elivisayo, yayikuthanda kakhulu ukuhoywa. Ndikhumbula ndichitha ixesha ndiyiphulaphula, ndithetha nayo yaye ndiyenza izive ixatyiswa. Mna nomyeni wam sizenza ziqonde ukuba zinokusixelela nantoni na iintombi zethu yaye siyazihlonela iimvakalelo zazo. Ndizama ukusebenzisa icebiso elikuYakobi 1:19 elithi ndifanele ‘ndikhawuleze ukuva, ndicothe ukuthetha.’
UVictoria: Umama wam ngoyena mhlobo wam usenyongweni. Andizange ndakha ndambona umntu onothando nonenkathalo njengaye yaye unjalo kubo bonke abantu. Umama ubakhathalele ngokwenene abanye abantu. Akakho onjengaye.
UOlivia: Utata unobubele yaye unesandla esivulekileyo. Usoloko enceda abanye naxa singenanto ingako esinokubanika yona. Uyalazi ixesha lokusebenza nelokonwaba. Ungutata olungileyo yaye ndiyavuya kuba engutata wam!
“Asikhe Singabi Nanto Yakwenza!”
USonny: Xa iintombi zethu zinengxaki, intsapho yethu iye ihlale phantsi ize ithethe ngayo. Sisoloko sixelelana inyani yaye izigqibo zethu sizisekela eBhayibhileni. Kwakhona, mna noYnez siye siqiniseke ukuba iintombi zethu zineetshomi ezomeleleyo elukholweni. Iitshomi zethu zingabahlobo bazo yaye nezazo zezethu.
UYnez: Sisoloko sixakekile yaye izinto sizenza kunye njengentsapho. Ekubeni singamaNgqina kaYehova, sixakeke ngumsebenzi wokushumayela, sifunda iBhayibhile size siyifundise nabanye, senza umsebenzi wamatsha-ntliziyo—kuquka ukunceda kwiindawo zentlekele nokwakha iiHolo zoBukumkani. Siphinda sibe nexesha lokuzonwabisa. Asikhe singabi nanto yakwenza!
UKellsie: Utata uyaphulaphula xa uthetha naye yaye usoloko efuna uluvo lwentsapho ngaphambi kokwenza izigqibo ezibalulekileyo. Umama usoloko ephulaphula xa ndifuna uncedo—okanye xa ndifuna umntu endiza kuphalaza kuye imbilini yam.
USamantha: Umama undenza ndizive ndibalulekile yaye ndithandwa—naxa sele engayiboni yena loo nto. Uyaphulaphula xa ndithetha naye. Undikhathalele. Ayikho enye into endinokuyikhetha kunobuhlobo bethu.
[Imifanekiso]
Intsapho yakwaCamera: uJoseph, uLisa, uVictoria, uOlivia noIsabella
Intsapho yakwaZapata: UKellsie, uYnez, uSonny noSamantha
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Abazali banokubanika inkululeko abantwana babo kodwa kufuneka bamisele imida