IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/11 iphe. 32
  • Utatomkhulu Wakhe Wayesandul’ Ukusweleka

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Utatomkhulu Wakhe Wayesandul’ Ukusweleka
  • Vukani!—2011
Vukani!—2011
g 11/11 iphe. 32

Utatomkhulu Wakhe Wayesandul’ Ukusweleka

● Enye indoda yabhalela iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova aseMexico isithi: “AndiloNgqina likaYehova kodwa ndiyazithanda iincwadi zenu. Enye yeencwadi zenu yakhankanya incwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Ndaba nomdla wokuyibona le ncwadana. Kaloku utatomkhulu wam wayesandul’ ukusweleka. Ndicela nindithumelele ezi ncwadana zinemifanekiso zibe sibhozo ukuze ndithuthuzele ngazo intsapho yam.”

Incwadana enemifanekiso enomxholo othi Xa Umntu Omthandayo Esifa iphendula imibuzo enjengethi: Ndinokuhlangabezana njani nentlungu endikuyo? Liliphi ithemba ngabantu abafileyo? Isixelela indlela ekuchaza ngayo iBhayibhile ukufa kunye nemeko yabantu abafileyo. Kwakhona, ichaza isithembiso uThixo awasenza ngoYesu Kristu sokuvusela abantu abafileyo kumhlaba oyiparadesi.

Ukuba ungathanda ukufumana le ncwadana inemifanekiso, sicela uzalise eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwenye yeeadresi ezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ndicela nindithumelele incwadana enemifanekiso eboniswe apha.

□ Ndicela niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sesisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share