ITequila Utywala BaseMexico
● Ukufika kwabo eMexico ngasebutsheni benkulungwane ye-16, oomatiloshe baseSpeyin bangcamla utywala balapho ekuthiwa yipulque, obenziwa ngencindi yeagave evutyelweyo. Njengebhiya, nabo obu tywala abunxilisi ngokukhawuleza. Kwakhona, buneprotini yemifuno nezinye izakha-mzimba yaye ngenxa yoko abantu beendawo ezininzi badla ngokubusela xa besitya.
Ekubeni babeqhele ukuthoba ngotywala xa besitya, kungekudala abantu baseSpeyin baqalisa ukusebenzisa le ncindi yeagave ukuze benze utywala obunxilisayo ekwakusithiwa yimescal. Buvela kule mescal utywala bezi mini obubizwa ngokuba yitequila. Namhlanje, eMexico kukho iinkampani ezininzi ezenza itequila yaye zenza iilitha ezimalunga nezigidi ezili-189 nyaka ngamnye ibe ama-40 ekhulwini ayo athunyelwa kumazwe aphesheya.
Imiyezo yeagave eluhlaza ilinywa kumhlaba ongumqwebedu okumbindi-ntshona weMexico ingakumbi kwiphondo laseJalisco elikufuphi nedolophu yaseTequila, elithiywe ngayo eli grangqa.a Iiagave zithatha iminyaka enokude ibe li-12 ngaphambi kokuba zivuthwe yaye ngelo xesha zifunxa izakha-mzimba ezininzi. Xa zivunwa, amagqabi azo ahlabayo ayasuswa kuze kushiyeke inxalenye efana nepayina ekuthiwa yipiña. Ngokuqhelekileyo le nxalenye idla ngokuba nobunzima obuziikhilogram ezingama-50. Ukuze kwenziwe ilitha enye yetequila kufuneka iipiña eziziikhilogram ezisixhenxe.
Abantu baseMexico abaninzi bayisela ingaxutywanga itequila, bemane bekhotha ityuwa besitya nelamuni. Abantu abatyelela eMexico badla ngokusela imargarita engumxube wetequila nencindi yelamuni kunye neorenji, edla ngokufakwa umkhenkce netyuwa.b Itequila ngoku ethengiswa kumazwe amalunga nama-90 ibizwa ngokuba ngunozakuzaku waseMexico.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kwiintlobo zeagave yaseMexico ezili-136, eziliqela zisetyenziselwa ukwenza ipulque nobunye utywala. Kodwa xa kusenziwa itequila kusetyenziswa iagave eluhlaza kuphela.
b IBhayibhile ayikwaleli ukuselwa kotywala ngobungcathu. (INdumiso 104:15; 1 Timoti 5:23) Noko ke, iBhayibhile iyakugxeka ukusela ngokugqithiseleyo nokunxila.—1 Korinte 6:9, 10; Tito 2:3.