IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mrt inqa. 32
  • Zilumkele Izinto Ezingeyonyani

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Zilumkele Izinto Ezingeyonyani
  • Imixholo Engakumbi
  • Amanqaku Afanayo
  • Abantwana NeeWebhsayithi Zokuncokola—Inxalenye 1: Ngaba Umntwana Wam Angazisebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola?
    Ukunceda Iintsapho
  • Yintoni Iiwebhsayithi Zokuncokola Eziyenzayo Kum?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ngaba Iiwebhsayithi Zokuncokola Zimosha Umntana Wakho?—IBhayibhile Inokubanceda Abazali
    Imixholo Engakumbi
  • Kulumkiswa Ngeengxaki Ezenziwa Ziiwebhsayithi Zokuncokola Kubantu Abasebatsha—Ithini IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
Imixholo Engakumbi
mrt inqa. 32
Indoda ejonge iindaba ezohlukeneyo.

Zilumkele Izinto Ezingeyonyani

Kule mihla, kulula kakhulu ukufunda izinto, kuquka nezinokukunceda uhlale ukhuselekile ibe usempilweni. Kodwa xa ukhangela ezo zinto, kufuneka uzilumkele izinto ezibubuxoki, ezifana:

  • Neendaba ezilahlekisayo

  • Nezinto ezingeyonyani

  • Nezinto ezithethwa ngabantu ekungekho bungqina ngazo

Ngokomzekelo, unobhala jikelele weZizwe Ezimanyeneyo walumkisa ngeendaba ezibubuxoki ekuthethwa kakhulu ngazo. Wathi, “Ziya zisiba ninzi kakhulu ngoku izinto zonyango ezingafanelekanga ibe maninzi namacebiso aza kugulisa abantu. Zininzi nezinto ezibubuxoki ezithethwa kwirediyo nakwiTV. Abantu bafaka izinto ekungekho bungqina bazo kwi-intanethi. Ayisothusi nento yokuba abantu bachaze indlela ababacaphukela nabangabafuni ngayo abantu bolunye uhlanga.”

Ewe kona, ubuxoki ayonto intsha. Kodwa iBhayibhile yachaza kwakudala ukuba ngemihla yethu, “abantu abenza izinto ezimbi nabazenza amalungisa [babeza] kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.” (2 Timoti 3:1, 13) I-intanethi ngoku yenze kwalula kakhulu ukufumana iindaba ezingeyonyani, size sikwazi nokuzithumelela abanye lula nangokukhawuleza. Ngenxa yaloo nto, ii-imeyile zethu, iiwebhsayithi zokuncokola, neendaba esizifunda kwizixhobo ze-elektroniki ziye zagcwala ubuxoki nenyani engaphelelanga.

Ungakulumkela njani ukufunda iindaba ezilahlekisayo nezinto ezithethwa ngabantu ekungekho bungqina bazo? Khawujonge le migaqo yeBhayibhile inokukunceda.

  • Indoda ecinga ngezinto ezibonileyo nezivileyo.

    Ungakholelwa yonk’ into oyibonayo okanye oyivayo

    Into ethethwa yiBhayibhile: “Umntu ongalumkanga ukholelwa yonke into, kodwa olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.”—IMizekeliso 14:15.

    Ukuba asilumkanga, sisenokuqhatheka lula. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngeefoto ezinezinto ezibhaliweyo, okanye iividiyo ezimfutshane ezifumaneka kuyo yonke indawo kwi-intanethi, ingakumbi kwiiwebhsayithi zokuncokola. Ezo zinto kudla ngokuthiwa ziimeme, ibe ixesha elininzi zenzelwe ukuhlekisa abantu. Kodwa ke, kunokuba lula ukutshintsha into okanye ivakale ngolunye uhlobo kwiifoto ezibhaliweyo okanye iividiyo ezimfutshane. Abantu banokude benze iividiyo zabantu abaziwayo kubonakale ngathi benza okanye bathetha into abakhange bayithethe.

    “Ubuxoki obuninzi abantu ababubonayo kwiiwebhsayithi zokuncokola buba kwiividiyo neefoto ezibhaliweyo, kodwa ekungachazwanga yonke into ngazo, njengeememe.”—Iindaba ZeAxios.

    Zibuze: ‘Ngaba ezi ndaba ziyinyani okanye bubuxoki?

  • Iglasi eyenza ubone yonke into.

    Cinga ukuba ezi ndaba zivelaphi ibe zithini

    Into ethethwa yiBhayibhile: “Qinisekisani zonke izinto.”—1 Thessalonians 5:21.

    Noba into uyive ithethwa ngabantu abaninzi okanye ezindabeni, qiniseka ukuba iyinyani ngaphambi kokuba uyikholelwe okanye uyisasaze. Ungayenza njani lo nto?

    Qiniseka ngendawo okanye umntu ove ngaye. Amajelo eendaba ayakwazi ukutshintsha inyani kuba engavumelani neepolitiki okanye efuna imali. Khawuzame ukujonga ukuba le nto ithethwa ziindaba ozibonayo iyafana na nento ethethwa zezinye. Ngamanye amaxesha abahlobo baye bathumelelane izinto ezingeyonyani ngeimeyile okanye kwiiwebhsayithi zokuncokola. Ngenxa yaloo nto, sukuthemba yonke into ngaphandle kokuba uqinisekile ngayo.

    Qiniseka ukuba loo nto isanda kwenzeka ibe iyinyani. Jonga ukuba yenzeke nini lo nto, ujonge nezinto eziyinyani, uze ukhangele nobungqina balo nto kuthethwa ngayo. Lumka nakakhulu xa ubona ukuba into ethethwayo icaciswe lula kakhulu okanye ithethwa ngohlobo olunokukwenza uzibone sele usenza into ngayo.

    “Ukuqiniseka ukuba into oyivileyo iyinyani kuyafana nokuhlamba izandla.”—USridhar Dharmapuri, onguMphathi Wezinto Ezidibene Nokhuseleko Lokutya KwiZizwe Ezimanyeneyo.

    Zibuze: ‘Ngaba kwezi ndaba ukhona umahluko phakathi kwenyani nezinto ezithethwa ngabantu, okanye ngaba iphelele le nto bayithethayo?’

  • Ilist yezinto onokuzijonga.

    Khangela inyani, hayi izinto ezithandwa nguwe

    Into ethethwa yiBhayibhile: “Nabani na othembela ngentliziyo yakhe sisidenge.”—Proverbs 28:26.

    Kuba sithemba kakhulu izinto esizikholelwayo, iinkampani ezisebenzisa i-intanethi ziye zifake izinto esizithandayo nesikhe sazikhangela kwiindaba nakwiiwebhsayithi zokuncokola zethu. Kodwa ke, izinto esithanda ukuziva akuthethi ukuba zezona zinto sidinga ukuziva.

    “Abantu bayakwazi ukucinga kakuhle, kodwa izinto ezisinqwenelayo, esinethemba lazo, esizoyikayo, nezisikhuthazayo zinokusenza sithembe nantoni na, ibe ngathi yinyani kuba nje iyinto esifuna ukuyikholelwa.”—UPeter Ditto, ongugqirha wengqondo kwizinto ezidibene nendlela abantu abathetha nabaphila ngayo.

    Zibuze: ‘Ngaba le nto ndiyithembe nje kuba iyinto endifuna ukuyikholelwa?’

  • Izinto ezingeyonyani zilahlwa emgqomeni.

    Yeka ukusasaza ubuxoki

    Into ethethwa yiBhayibhile: “Ungahambi uthetha ubuxoki.”—Exodus 23:1.

    Khumbula ukuba izinto ozixelela nozithumelela abanye zingabenza batshintshe indlela abacinga nabenza ngayo. Noba ubaxelele ngempazamo, into engeyonyani ingayingozi.

    “Eyona nto ibalulekileyo umele uyenze kuqala ngaphambi kokuthumelela abanye izinto kukuzibuza ukuba, ʻNdiqinisekile ngale nto ndiza kuyithumela?’ Ukuba wonke umntu ebesenza loo nto, beziza kuba mbalwa gqitha izinto ezingeyonyani kwi-intanethi.”—UPeter Adams, ongusekela mphathi weNews Literacy Project.

    Zibuze: ‘Ngaba le nto ndiyithumela kuba ndiqinisekile ukuba iyinyani?’

Inyani ngezinto ezithethwa ngabantu ekungekho bungqina bazo

UShauna Bowes, ongugqirha wengqondo ongumphandi uthi, “Izinto ezithethwayo ekungekho bungqina bazo ziyitshintsha kakhulu indlela abantu abacinga nabazenza ngayo izinto.” Nazi izinto omele uzazi ngezinto ezithethwayo ekungekho bungqina bazo.

Ziintoni ezi zinto zithethwa ngabantu ekungekho bungqina bazo sithetha ngazo? Kuxa kusithiwa iqela labantu abakhohlakeleyo abanegunya okanye abanamandla baceba emfihlekweni ukwenza into enkulu okanye embi.

Kutheni ziyingozi izinto ezinjalo ezithethwayo? Ziyingozi kuba zinokwenza abantu bangathembi nezona zinto ziyinyani, ibe abanye basenokude bangazihoyi izinto ezidibene nezokhuseleko okanye ezempilo. Abanye abantu banokude bangabafuni abantu abakwelo qela kuthiwa liceba into embi baze balwe nabo.

Kutheni zisaziwa kangaka? IEncyclopaedia Britannica ibonisa ukuba kuye kuthethwe izinto ezininzi xa abantu “besebunzimeni, bekhathazekile okanye benexhala” njengaxa “kukho imfazwe, kungekho mali nasemva kweentlekele ezifana neetsunami, iinyikima, nezifo ezingubhubhani.” Ngaloo maxesha anzima, abantu baye bazamkele ezi zinto zithethwayo kuba zixhasa into abayikholelwayo okanye zibanceda baqonde ukuba kutheni kusenzeka izinto ezimbi.

IBhayibhile ingakunceda njani ulumkele izinto ezithethwayo ekungekho bungqina bazo? IBhayibhile inamacebiso asebenzayo angasinceda singabi naxhala kakhulu ngamaxesha anzima. Ichaza nokuba kutheni kukho iingxaki, nendlela eziza kupheliswa ngayo. Ukuze ufunde nezinye izinto, bukela ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share