2 Samuweli
4 Xa unyana+ kaSawule wevayo ukuba uAbhinere ufile eHebron,+ izandla zakhe ke zaba buthathaka+ nawo onke amaSirayeli aphazamiseka. 2 Unyana kaSawule wayenamadoda amabini, iintloko zamatutu,+ igama lenye linguBhahana, igama lenye linguRekabhi, oonyana bakaRimon umBheheroti, woonyana bakaBhenjamin; kuba neBheheroti+ yayidla ngokubalwa njengenxalenye yakwaBhenjamin. 3 Ke amaBheheroti abalekela eGitayim,+ aza aba ngabaphambukeli apho kwada kwayile mini.
4 Ke kaloku uYonatan,+ unyana kaSawule, wayenonyana osisiqhwala.+ Wayeminyaka mihlanu ubudala ukufika kwengxelo engoSawule noYonatan eyayivela eYizereli;+ impelesi yakhe ke yamthwala yaza yasaba, kodwa kwathi njengoko yayibaleka ngokuphakuzela isaba, ngoko wawa waza waba sisiqhwala. Kwaye igama lakhe yayinguMefibhoshete.+
5 Oonyana bakaRimon umBheheroti, uRekabhi noBhahana, bahamba baza bafika endlwini kaIshe-bhosheti+ malunga nokufudumala kwemini, njengoko wayesathe ngqwa emini enkulu. 6 Yabona, bangena phakathi endlwini njengabantu abaze kuthabatha ingqolowa, baza ke bamhlaba esiswini;+ abazange babhaqwe ke uRekabi noBhahana+ umntakwabo. 7 Ukungena kwabo endlwini, wayelele esingqengqelweni sakhe kwigumbi lakhe lokulala elingaphakathi, baza ke bamxabela bambulala,+ emva koko bamnqumla intloko, bayithabatha intloko yakhe+ baza bahamba ngendlela eya eArabha ubusuku bonke. 8 Ekugqibeleni bayizisa intloko kaIshe-bhosheti+ kuDavide eHebron baza bathi kukumkani: “Nantsi intloko kaIshe-bhosheti unyana kaSawule utshaba lwakho+ olwalufuna umphefumlo wakho;+ kodwa uYehova uyayiphindezelela+ inkosi yam ukumkani ngale mini kuSawule nakwinzala yakhe.”
9 Noko ke, uDavide wamphendula uRekabi noBhahana umntakwabo, oonyana bakaRimon umBheheroti, wathi kubo: “Ephila nje+ uYehova owakhulula+ umphefumlo wam+ kuko konke ukubandezeleka,+ 10 xa omnye wandixelelayo,+ esithi, ‘Nanku uSawule efile,’ yaye yena emehlweni akhe waba njengozisa iindaba ezilungileyo, noko ke, mna ndambamba ndaza ndambulala+ eTsikelage xa kwakuyimfanelo ngam ukuba ndimnike umrhumo womthunywa; 11 kukangakanani ke xa amadoda angendawo+ ebulele indoda elilungisa isemandlalweni wayo endlwini yayo? Ke kaloku ndingalifuni ezandleni zenu+ na igazi layo, yaye andimele ndinitshayele na emhlabeni?”+ 12 UDavide wabayalela abafana, bababulala+ babanqumla izandla neenyawo baza babaxhoma+ ngasechibini eHebron; yaye intloko kaIshe-bhosheti bayithabatha baza ke bayingcwabela kwindawo awayengcwatyelwe kuyo uAbhinere eHebron.+