NgoMgqibelo, Agasti 9
Nabani na ofuna ukundilandela, makazincame, athwale isibonda sakhe sokungcungcutheka yonke imihla, aze aqhubeke endilandela.—Luka 9:23.
Kusenokwenzeka ukuba uye awafunwa kowenu ngenxa yokuba ukhonza uYehova, okanye uncame ukuba nemali eninzi nezinye izinto ukuze uBukumkani bube yeyona nto ibalulekileyo kuwe. (Mat. 6:33) Ukuba kunjalo, qiniseka ukuba uYehova uyayibona imisebenzi oyenza kuba uthembekile kuye. (Heb. 6:10) Mhlawumbi yenzekile kuwe into eyathethwa nguYesu esithi: “Akukho mntu ushiye ikhaya lakhe, abantakwabo, oodadewabo, umama wakhe, utata wakhe, abantwana bakhe okanye amasimi akhe ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ongazukufumana ngokuphindwe kayi-100 izindlu, abantakwabo, oodadewabo, oomama, abantwana, amasimi kunye neentshutshiso ngoku, nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo.” (Marko 10:29, 30) Izinto akwenzele zona uYehova zinkulu ngaphezu kwayo nantoni na ekuye kwafuneka uyincame.—INdu. 37:4. w24.03 9 ¶5
NgeCawa, Agasti 10
Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.—IMize. 17:17.
Xa kwabakho indlala enkulu kwaYuda. abazalwana bakwa-Antiyokwe ‘bazimisela kangangoko babenako ukubathumelela izinto abazidingayo abazalwana ababehlala kwelakwaYuda.’ (IZe. 11:27-30) Ngoxa aba bazalwana babebhuqwa yindlala babehlala kude, amaKristu akwa-Antiyokwe ayezimisele ukubanceda. (1 Yoh. 3:17, 18) Nathi sinokubavela abazalwana noodade xa sisiva ukuba kwenzeke intlekele. Sinokukhawuleza sibancede, mhlawumbi ngokubuza abadala ukuba singancedisa njani, ngokunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke okanye ngokubathandazela. Abazalwana noodade basenokufuna ukuncedwa kwizinto abazidingayo. Xa uKumkani wethu uKristu uYesu eze kugweba, sifuna abone ukuba siyabavela abantu aze athi ‘masifumane uBukumkani.’—Mat. 25:34-40. w23.07 4 ¶9-10; 6 ¶12
NgoMvulo, Agasti 11
Bonke abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.—Fil. 4:5.
UYesu wayebhetyebhetye njengoYehova. Emhlabeni wayethunywe ukuba aze kushumayela “kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.” Kodwa wayesiba bhetyebhetye xa esenza lo msebenzi. Ngenye imini ibhinqa elingengomSirayeli lamcenga ukuba aphilise intombi yalo ‘eyayiphethwe kakubi yidemon.’ UYesu walivela eli bhinqa waza wayiphilisa intombi yalo. (Mat. 15:21-28) Nanku omnye umzekelo. Kungabanga xesha lide eqalise umsebenzi wakhe emhlabeni uYesu wathi: “Nabani na ondiphikayo . . . , nam ndiza kumphika.” (Mat. 10:33) Kodwa ngaba wamphika uPetros owayemphike kathathu? Zange amphike. Wayesazi ukuba uPetros uyazisola ngale nto ayenzileyo nokuba wayeyindoda enokholo. Emva kokuba evukile, wabonakala kuPetros. Inoba wamenza waqiniseka ukuba umxolele futhi uyamthanda. (Luka 24:33, 34) UYehova uThixo noYesu Kristu. Sinjani thina? UYehova ulindele ukuba sibe bhetyebhetye. w23.07 21 ¶6-7