IZililo
א [ʼAʹleph]
2 Owu hayi indlela uYehova ayisibekele ngayo intombi yaseZiyon ngomsindo wakhe!+
Ubuphose phantsi emhlabeni+ busuka ezulwini ubuhle bukaSirayeli.+
Yaye akasikhumbulanga isihlalo seenyawo zakhe+ ngemini yomsindo wakhe.
ב [Behth]
2 UYehova uziginyile, akabonisanga mfesane kuzo naziphi na iindawo zokuhlala+ zakwaYakobi.
Ngokuvutha komsindo wakhe uzichithile iindawo ezinqatyisiweyo+ zentombi yakwaYuda.
Uzingqule emhlabeni,+ ubuhlambele ubukumkani+ neenkosana zayo.+
ג [Giʹmel]
3 Ngokuvutha komsindo unqumle zonke iimpondo zakwaSirayeli.+
Usibuyisele emva isandla sakhe sasekunene sesuka phambi kotshaba;+
NakwaYakobi uyaqhubeka evutha njengomlilo odangazelayo oqwenge macala onke.+
ד [Daʹleth]
4 Usigobile isaphetha sakhe njengotshaba.+ Isandla sakhe sasekunene+ usimisile
Njengotshaba,+ yaye wababulala bonke abo banqwenelekayo emehlweni.+
Ententeni+ yentombi yaseZiyon uphalazele umsindo wakhe, kanye njengomlilo.+
ה [Heʼ]
5 UYehova uye wanjengotshaba.+ Umginyile uSirayeli.+
Uziginyile zonke iinqaba zakhe zokuhlala;+ uzonakalisile iindawo zakhe ezinqatyisiweyo.+
Nasentombini yakwaYuda ukwenze kwaphuphuma ukuzila nokwenza isijwili.+
ו [Waw]
6 Yaye uwuphatha ngogonyamelo umnquba+ wakhe njengalowo usemyezweni.+ Uwonakalisile umthendeleko wakhe.
UYehova wenze ukuba ulityalwe eZiyon umthendeleko+ nesabatha,
Ngesiqalekiso somsindo wakhe akabonisi ntlonelo ngokumkani nombingeleli.+
ז [Zaʹyin]
7 UYehova usilahlile isibingelelo sakhe.+ Uyicekisile ingcwele yakhe.+
Esandleni sotshaba unikele iindonga zeenqaba zayo zokuhlala.+
Bakhuphe ilizwi labo endlwini kaYehova, njengakwimini yomthendeleko.+
ח [Chehth]
8 UYehova ucinge ukonakalisa udonga+ lwentombi yaseZiyon.
Ulolule ulutya lokulinganisa.+ Akasibuyisanga isandla sakhe ekuginyeni.+
Yaye ubangela ukuba ungqameko nodonga zizile.+ Xa zonke ziya kuphelelwa.
ט [Tehth]
9 Amasango ayo+ atshone emhlabeni. Uyitshabalalisile waza wayiqhekeza imivalo yayo.
Ukumkani wayo neenkosana zayo ziphakathi kweentlanga.+ Akukho mthetho.+
Nabaprofeti bayo abafumananga mbono uvela kuYehova.+
י [Yohdh]
10 Amadoda amakhulu entombi yaseZiyon ahleli phantsi emhlabeni, apho athe cwaka.+
Azigalele ngothuli entloko.+ Abhinqe amarhonya.+
Iintombi ezinyulu zaseYerusalem zihlisele phantsi emhlabeni intloko yazo.+
כ [Kaph]
11 Amehlo am aphelile ziinyembezi.+ Amathumbu am ayabila.+
Isibindi sam siphalalele emhlabeni kanye,+ ngenxa yokuwa kwentombi yabantu bam,+
Ngenxa yokutyhafa komntwana nowanyayo kwiindawo zembutho zedolophu leyo.+
ל [Laʹmedh]
12 Bamana ukuthi koonina: “Kuphi na ukudla okuziinkozo newayini?”+
Ngenxa yokutyhafa kwabo njengalowo ubuleweyo kwiindawo zembutho zesixeko,
Ngenxa yokuphalazwa komphefumlo wabo esifubeni soonina.
מ [Mem]
13 Ndiya kukusebenzisa njengengqina lantoni na? Ndiya kukufanisa nantoni na, ntombi yaseYerusalem?+
Ndiya kukulinganisa nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombi enyulu yaseZiyon?+
Kuba ukuwa kwakho+ kukhulu kanye njengolwandle. Ngubani na onokukuphilisa?+
נ [Nun]
14 Abaprofeti bakho bakubonele izinto ezingento yanto nezinganelisiyo,+
Kwaye abasityhilanga isiphoso sakho ukuze ubuye ekuthinjweni,+
Kodwa bakubonela izibhengezo ezingento yanto nezilahlekisayo.+
ס [Saʹmekh]
15 Bonke abo badlula ngendlela bakuqhwabela izandla.+
Bayibethel’ umlozi+ yaye bamana behlunguzela iintloko+ ngentombi yaseYerusalem, besithi:
“Sesi sixeko na esi babefudula besithi ngaso, ‘Bubuhle obugqibeleleyo, ukugcoba komhlaba wonke’?”+
פ [Peʼ]
16 Zonke iintshaba zakho zikuvulele umlomo.+
Zibeth’ umlozi yaye zimana zitshixiza amazinyo.+ Zithe: “Siza kuyiginya.+
ע [ʽAʹyin]
17 UYehova ukwenzile oko wayenako engqondweni.+ Ulifezile ilizwi lakhe,+
Oko wayekuyalele kwakwimihla yakudala.+ Uchithile yaye akabonisanga mfesane.+
Yaye ubangela utshaba lube nemihlali ngenxa yakho.+ Ulwenze lwaphakama uphondo lweentshaba zakho.+
צ [Tsa·dhehʹ]
18 Intliziyo yabo iye yadanduluka kuYehova,+ ludonga lwentombi yaseZiyon.+
Mazihle iinyembezi kanye njengomsinga imini nobusuku.+
Ungaziniki ukuba ndindisholo. Ngamana ukhozo lweliso lakho lungangaphezi.
ק [Qohph]
19 Vuka! Khwina ebudeni bobusuku ekuqaleni kwemilindo yakusasa.+
Phalaza intliziyo yakho+ phambi kobuso+ bukaYehova kanye njengamanzi.
Mphakamisele izandla zakho+ ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho,
Abatyhafileyo ngenxa yendlala emantloko ezitrato zonke.+
ר [Rehsh]
20 Khawubone, Yehova, uze ukhangele+ kulowo uqhubene naye ngokuqatha ngale ndlela.
Ngaba abafazi bafanele baqhubeke besidla isiqhamo sabo, abantwana abazelwe beyileke ngokupheleleyo,+
Okanye engcweleni kaYehova ufanele abulawe na umbingeleli nomprofeti?+
ש [Shin]
21 Inkwenkwe nendoda endala+ balele emhlabeni ezitratweni.+
Iintombi zam ezinyulu nabafana bam bawile likrele.+
Ubulele ngemini yomsindo wakho.+ Ubulele ngogonyamelo;+ akubanga namfesane.+
ת [Taw]