19 “Uze wenze iziseko zesilivere zibe ngamashumi amane+ phantsi kwaloo manqwanqwa amaplanga angamashumi amabini; zibe zibini iziseko phantsi kwenqwanqwa lamaplanga elinye neempondlo zalo ezimbini, nezinye iziseko ezibini phantsi kwelinye inqwanqwa lamaplanga neempondlo zalo ezimbini.