IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 8:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Yaye uNowa wamakhela isibingelelo+ uYehova waza wathabatha kwizilo zonke ezihlambulukileyo+ nakwizidalwa zonke eziphaphazelayo+ ezihlambulukileyo, wenza iminikelo etshiswayo esibingelelweni+ eso.

  • Eksodus 3:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Wathi kuye: “Ngokuba ndiya kuba nawe,+ yaye nanku umqondiso wokuba ndim okuthumeleyo:+ Wakuba ubakhuphile abantu eYiputa, niya kumkhonza uTHIXO oyinyaniso kule ntaba.”+

  • Eksodus 3:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 “Ngokuqinisekileyo baya kuliphulaphula ilizwi lakho,+ yaye uze uye wena namadoda amakhulu akwaSirayeli, kukumkani waseYiputa, nize nithi kuye, ‘UYehova uTHIXO wamaHebhere+ uye wanxibelelana nathi,+ ngoko ke, nceda, usiyeke sihambe, uhambo lweentsuku ezintathu entlango, sibingelele kuYehova uThixo wethu.’+

  • Eksodus 5:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Noko ke, bathi ke bona: “UTHIXO wamaHebhere uye wanxibelelana nathi.+ Khawuncede, usikhulule sihambe, uhambo lweentsuku ezintathu entlango size sibingelele kuYehova uThixo wethu;+ kungenjalo angasibetha ngendyikitya yokufa okanye ngekrele.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share