11 Kuko oku okuya kuba kokwakho: Umnikelo+ wesipho sabo kunye nawo wonke umnikelo otshangatshangiswayo+ woonyana bakaSirayeli. Ndiwunika wena noonyana bakho neentombi zakho ezikunye nawe,+ ube ngumxhesho wexesha elingenammiselo. Wonke ubani ohlambulukileyo endlwini yakho angawudla.+