IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 23:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 “Uze ungamkeli sinyobo, kuba isinyobo siyabamfamekisa ababona kakuhle yaye sinokuwagqwetha amazwi amalungisa.+

  • Duteronomi 16:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Uze ungasijiki isigwebo.+ Ungakhethi buso+ okanye wamkele isinyobo, kuba isinyobo simfamekisa amehlo ezilumko,+ sigqwethe amazwi amalungisa.

  • INdumiso 15:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  5 Imali yakhe akanikezelanga ngayo ngenzala,+

      Yaye akathabathanga ukunyotywa nxamnye nalowo umsulwa.+

      Lowo wenza ezi zinto akasayi kuze agungqiswe.+

  • INdumiso 26:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Ekukho ihambo evakalala ezandleni zawo,+

      Nesandla sawo sokunene esizaliswe kukunyoba.+

  • IMizekeliso 29:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Ukumkani ulimisa ngokusesikweni ilizwe,+ kodwa umntu owamkela isinyobo uyalichitha.+

  • Isaya 1:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Iinkosana zakho zineenkani yaye zingamaqabane amasela.+ Zonke zithanda isinyobo,+ zikwasukela nezipho.+ Aziligwebi ityala lenkwenkwe engenayise; kwanetyala lomhlolokazi abazikhathazi ngalo.+

  • Isaya 33:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 “Kukho ohamba ngobulungisa+ ngokuqhubekayo nothetha oko kuthe tye,+ ogatya inzuzo yokungekho sikweni ngenkqatho,+ ovuthulula izandla zakhe zingabambi isinyobo,+ ovingca indlebe yakhe ekuphulaphuleni uphalazo-gazi, novala amehlo akhe khon’ ukuze angaboni okubi.+

  • Mika 3:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Abo baziintloko zayo bagweba nje ngenxa yokunyotywa,+ nababingeleli bayo bayalela nje ngenxa yexabiso,+ nabaprofeti bakhe bavumisa nje ngenxa yemali;+ kanti bazixhasa ngoYehova, besithi: “Akakho phakathi kwethu na uYehova?+ Asiyi kufikelwa ntlekele.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share