IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 24:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ndiya kumbona,+ kodwa kungekhona ngoku;

      Ndiya kumkhangela, kodwa engekufuphi.

      Ngokuqinisekileyo kuya kuphuma inkwenkwezi+ kwaYakobi,

      Kusuke intonga yobukhosi ivela kwaSirayeli.+

      Yaye ngokuqinisekileyo uya kuziqhekeza iintlafuno zentloko kaMowabhi+

      Nokakayi lwabo bonke oonyana besiphithiphithi semfazwe.

  • ABagwebi 3:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Ngelo xesha bamxabela uMowabhi, malunga namadoda angamawaka alishumi,+ bonke bomelele+ yaye bengamakroti; akukho namnye owabalekayo.+

  • 1 Samuweli 14:47
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 47 Wabuthabatha ke uSawule ubukumkani phezu koSirayeli+ waza walwa imfazwe nxamnye nazo zonke iintshaba zakhe ezazimjikelezile, nxamnye noMowabhi+ nanxamnye noonyana baka-Amon+ nanxamnye noEdom+ nanxamnye nookumkani baseTsobha+ nanxamnye namaFilisti;+ yaye naphi na apho wayejikela ngakhona wayedlulisela umgwebo wesohlwayo.+

  • INdumiso 60:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  8 UMowabhi yimbiza yam yokuhlambela.+

      Ndiya kuyiphosa phezu koEdom imbadada yam.+

      Naphezu kwelamaFilisti ndiya kuduma ngoloyiso.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share