- 
	                        
            
            2 Samuweli 20:3INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
 - 
                            
- 
                                        
3 Ekugqibeleni uDavide weza endlwini yakhe eYerusalem.+ Wandula ke ukumkani wathabatha abafazi abalishumi,+ amashweshwe awayewashiye ngasemva ukuba anyamekele indlu, waza wabafaka endlwini yokuvalelwa, kodwa waqhubeka ebabonelela ngokutya. Yaye akazange abe nazintlobano zokwazana konke nabo,+ kodwa baqhubeka bevalelwe mba kwada kwayimini yokufa kwabo, bengabahlolokazi abanendoda ephilayo.
 
 -