IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 4:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 ngoko ke namhlanje amazulu nomhlaba+ ngamangqina am okuba, niya kutshabalala ngokukhawuleza ezweni eniwela iYordan nisiya kulidla ilifa. Anisayi kuyandisa imihla yenu kulo, ngokuba niya kubhujiswa ngokuqinisekileyo.+

  • Duteronomi 31:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Kothi xa bathe bafikelwa ziintlekele nakukubandezeleka okuninzi,+ isuke le ngoma iphendule phambi kwabo njengengqina, kuba ayisayi kulityalwa imke emlonyeni wenzala yabo, yaye ndiyalwazi kakuhle utyekelo lwabo+ namhlanje kwanangaphambi kokubangenisa kwam kwelo lizwe ndifunge ngalo.”

  • 2 Kumkani 17:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 yaye uYehova waqhubeka emlumkisa+ uSirayeli+ noYuda+ ngabo bonke abaprofeti bakhe+ nangazo zonke iimboni zakhe,+ esithi: “Buyani ezindleleni zenu ezimbi+ nize nigcine imiyalelo yam,+ imimiselo yam,+ ngokuvisisana nawo wonke umthetho+ endayalela ngawo ookhokho benu+ nendanithumelela wona ngabakhonzi bam abaprofeti”;+

  • 2 Kronike 24:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Waqhubeka ethumela abaprofeti+ kuzo ukuba bazibuyisele kuYehova; baqhubeka benikela ubungqina nxamnye nazo, kodwa azizange zibabekele ndlebe.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share