- 
	                        
            
            Estere 3:12INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
 - 
                            
- 
                                        
12 Kwandula ke kwabizwa oonobhala bakakumkani+ ngenyanga yokuqala ngomhla wayo weshumi elinesithathu, kwaza kwabhalwa+ ngokuvumelana nako konke oko uHaman wayekuyalele amabamba kakumkani neerhuluneli ezazilawula kumaphondo ahlukahlukeneyo,+ neenkosana zezizwana ezahlukahlukeneyo, zephondo ngalinye, ngesimbo salo sokubhala,+ nesizwana ngasinye ngolwimi lwaso; kwabhalwa kwaza kwatywinwa ngomsesane wokutywina+ kakumkani egameni+ likaKumkani uAhaswerosi.
 
 - 
                                        
 
- 
	                        
            
            Estere 8:5INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
 - 
                            
- 
                                        
5 Ke kaloku wathi: “Ukuba kubonakala kulungile kukumkani, yaye ukuba ndifumene ubabalo+ phambi kwakhe kwaye le nto ifanelekile phambi kukakumkani kwaye ndilungile emehlweni akhe, makubhalwe kurhoxiswe amaxwebhu abhaliweyo,+ icebo likaHaman unyana kaHamedata umAgagi,+ lawo wawabhalayo ukuba kutshatyalaliswe amaYuda+ akuwo onke amaphondo kakumkani.+
 
 -