Genesis 1:29 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 29 Wahlabela mgama ke uThixo wathi: “Yabonani, ndibunikele kuni bonke utyani obuvelisa imbewu obuphezu komhlaba uphela nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu.+ Mayibe kukutya kuni.+ Genesis 9:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukutya kuni.+ Njengotyani obuluhlaza, ndizinikela zonke kuni.+ Mateyu 6:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 “Ngenxa yoku ndithi kuni: Musani ukuxhalela+ imiphefumlo yenu mayela noko niya kukudla okanye oko niya kukusela, okanye imizimba yenu mayela noko niya kukunxiba.+ Umphefumlo awungaphezulu na kunokutya nomzimba kunesinxibo?+ Mateyu 6:30 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 30 Ukuba, ke, uThixo wenjenjalo ukwambesa utyani basendle, obuthi bubekho namhlanje buze ngomso buphoswe eontini, akayi kugqithisa na ukunambesa, nina nilukholo luncinane?+ Luka 12:28 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 28 Ukuba, ke, uThixo wenjenjalo ukubambesa utyani basendle obuthi bubekho namhlanje buze ngomso buphoswe eontini, wobeka phi na ke ukunambesa nina, nina nilukholo luncinane!+ Yohane 3:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 “Kuba uThixo walithanda+ kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo,+ ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo+ kuye angatshabalali+ kodwa abe nobomi obungunaphakade.+ IZenzo 14:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 nangona, eneneni, engazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo,+ eninika iimvula+ ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.”+
29 Wahlabela mgama ke uThixo wathi: “Yabonani, ndibunikele kuni bonke utyani obuvelisa imbewu obuphezu komhlaba uphela nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu.+ Mayibe kukutya kuni.+
3 Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukutya kuni.+ Njengotyani obuluhlaza, ndizinikela zonke kuni.+
25 “Ngenxa yoku ndithi kuni: Musani ukuxhalela+ imiphefumlo yenu mayela noko niya kukudla okanye oko niya kukusela, okanye imizimba yenu mayela noko niya kukunxiba.+ Umphefumlo awungaphezulu na kunokutya nomzimba kunesinxibo?+
30 Ukuba, ke, uThixo wenjenjalo ukwambesa utyani basendle, obuthi bubekho namhlanje buze ngomso buphoswe eontini, akayi kugqithisa na ukunambesa, nina nilukholo luncinane?+
28 Ukuba, ke, uThixo wenjenjalo ukubambesa utyani basendle obuthi bubekho namhlanje buze ngomso buphoswe eontini, wobeka phi na ke ukunambesa nina, nina nilukholo luncinane!+
16 “Kuba uThixo walithanda+ kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo,+ ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo+ kuye angatshabalali+ kodwa abe nobomi obungunaphakade.+
17 nangona, eneneni, engazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo,+ eninika iimvula+ ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.”+