Duteronomi 32:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 NguLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe,+Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni.+NguThixo wentembeko,+ tu ubugqwetha;+Lilungisa yaye uthe tye yena.+ Ezra 9:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Owu Yehova THIXO kaSirayeli, ulilungisa,+ ngenxa yokuba siye sasala njengeqela labantu abasindileyo njenganamhlanje. Yabona siphambi kwakho sinetyala,+ ngenxa yokuba akunakwenzeka ukuba sime phambi kwakho ngenxa yoku.”+ Nehemiya 9:33 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 33 Kwaye wena ulilungisa+ ngokubhekisele kuko konke okusifikeleyo, kuba wena wenze ngokuthembeka,+ kodwa sithi abenze ngokungendawo.+ Yeremiya 12:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ulilungisa,+ Yehova, xa ndimangala kuwe, eneneni naxa ndithetha nawe ngomgwebo. Kutheni na iphumelele indlela yabangendawo,+ bonke abo benza ngobuqhophololo ingabo abangakhathazekanga? Daniyeli 9:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Wena, Yehova, unobulungisa, kodwa thina sigutyungelwe lihlazo ngayo le mini,+ thina namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nabo bonke abakwaSirayeli, abo bakufuphi nabo bakude kuwo onke amazwe obasasazele kuwo ngenxa yokungathembeki kwabo abenze ngako nxamnye nawe.+
4 NguLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe,+Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni.+NguThixo wentembeko,+ tu ubugqwetha;+Lilungisa yaye uthe tye yena.+
15 Owu Yehova THIXO kaSirayeli, ulilungisa,+ ngenxa yokuba siye sasala njengeqela labantu abasindileyo njenganamhlanje. Yabona siphambi kwakho sinetyala,+ ngenxa yokuba akunakwenzeka ukuba sime phambi kwakho ngenxa yoku.”+
33 Kwaye wena ulilungisa+ ngokubhekisele kuko konke okusifikeleyo, kuba wena wenze ngokuthembeka,+ kodwa sithi abenze ngokungendawo.+
12 Ulilungisa,+ Yehova, xa ndimangala kuwe, eneneni naxa ndithetha nawe ngomgwebo. Kutheni na iphumelele indlela yabangendawo,+ bonke abo benza ngobuqhophololo ingabo abangakhathazekanga?
7 Wena, Yehova, unobulungisa, kodwa thina sigutyungelwe lihlazo ngayo le mini,+ thina namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nabo bonke abakwaSirayeli, abo bakufuphi nabo bakude kuwo onke amazwe obasasazele kuwo ngenxa yokungathembeki kwabo abenze ngako nxamnye nawe.+