IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 18:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 “‘Musani ukuzenza abangahlambulukanga ngayo nayiphi na kwezi zinto, kuba zizenze azahlambuluka ngazo ezi zinto zonke iintlanga endizigxothayo phambi kwenu.+

  • Numeri 35:33
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 33 “‘Nize ningalingcolisi ilizwe enikulo; kuba ligazi elingcolisa ilizwe,+ yaye ilizwe alinakucanyangushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo ngaphandle kwangegazi lalowo uliphalazileyo.+

  • 2 Kronike 33:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Yaye uManase+ waqhubeka emlukuhla uYuda+ nabemi baseYerusalem ukuba benze okubi ngakumbi+ kuneentlanga ezo uYehova wayezibhubhisile phambi koonyana bakaSirayeli.+

  • Yeremiya 3:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Kukho intetho ethi: “Ukuba indoda ingamndulula umfazi wayo aze yena okunene emke kuyo abe ngowenye indoda, ifanele ibuyele kuye na kwakhona?”+

      Alingcoliswanga na ngokuqinisekileyo elo lizwe?+

      “Wena ke uye waba ngunongogo unamaqabane amaninzi;+ unokubuyela na ke kum?”+ utsho uYehova.

  • Yeremiya 23:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “Kuba kokubini umprofeti nombingeleli bangcolile.+ Nasendlwini yam ndifumene ububi babo,”+ utsho uYehova.

  • IZililo 4:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Ngenxa yezono zabaprofeti bayo, iziphoso zababingeleli bayo,+

      Phakathi kwayo kwakukho abo baphalaza igazi lamalungisa.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share