-
Zekariya 13:9INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
9 Ngokuqinisekileyo ndiya kuyizisa emlilweni inxalenye yesithathu;+ okunene ndiya kusulungekisa njengokusulungekiswa kwesilivere,+ ndibahlolisise njengokuhlolisiswa kwegolide.+ Yona iya kubiza egameni lam, nam ke ndiza kuyiphendula.+ Ndiza kuthi, ‘Ingabantu bam,’+ nayo ke, iya kuthi, ‘UYehova nguThixo wam.’”+
-
-
Malaki 1:11INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
11 “Kuba ukususela ekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo igama lam liya kuba likhulu phakathi kweentlanga,+ nasezindaweni zonke kuya kuqhunyiswa umbingelelo,+ kuya kwenziwa umnikelo egameni lam, ube sisipho esihlambulukileyo;+ ngenxa yokuba igama lam liya kuba likhulu phakathi kweentlanga,”+ utsho uYehova wemikhosi.
-