16 “Hamba, uze uthi kuEbhedi-meleki+ umTiyopiya, ‘Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “Yabona, ndiwenza abe yinyaniso amazwi am kwesi sixeko, abe yintlekele kungekhona ukulungelwa,+ yaye ngokuqinisekileyo aya kwenzeka phambi kwakho ngaloo mini.”’+