-
2 Kumkani 17:13INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
13 yaye uYehova waqhubeka emlumkisa+ uSirayeli+ noYuda+ ngabo bonke abaprofeti bakhe+ nangazo zonke iimboni zakhe,+ esithi: “Buyani ezindleleni zenu ezimbi+ nize nigcine imiyalelo yam,+ imimiselo yam,+ ngokuvisisana nawo wonke umthetho+ endayalela ngawo ookhokho benu+ nendanithumelela wona ngabakhonzi bam abaprofeti”;+
-
-
Yeremiya 35:15INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
15 Kwaye ndamana ndithumela kuni bonke abakhonzi bam abaprofeti,+ ndivuka ekuseni ndize ndithumele kubo, ndisithi, ‘Khanincede, nibuye, ngamnye endleleni yakhe embi,+ nize nilungise izenzo zenu,+ ningalandeli abanye oothixo ukuba nibakhonze.+ Qhubekani nihlala emhlabeni endiwunike nina nookhokho benu.’+ Kodwa anizange niyithobe indlebe yenu, ningazange nindiphulaphule.+
-