9 “‘Wonke umnikelo wokutya obhakwe eontini nowenzelwe embizeni okanye epanini,+ ngowaloo mbingeleli uwuzisileyo. Uza kuba ngowakhe.+ 10 Kodwa wonke umnikelo wokutya owomileyo+ okanye ogalelwe ioli+ uza kuba ngowoonyana bonke baka-Aron. Bonke baza kufumana ngokulinganayo.