-
Levitikus 27:9, 10IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
9 “‘Ukuba isifungo sibandakanya isilwanyana ekunokunikelwa ngaso kuYehova, nantoni na ekunokunikelwa ngayo kuYehova iza kuba yinto engcwele. 10 Akanakuzisa esinye endaweni yaso okanye atshintshe esilungileyo ngesingalunganga okanye esingalunganga ngesilungileyo. Kodwa ukuba uzisa isilwanyana endaweni yesinye, zombini ezo zilwanyana, esokuqala neso atshintshise ngaso, ziza kuba ngcwele.
-