Eksodus 13:2 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 2 “Ndingcwalisele* onke amazibulo angamakhwenkwe* kumaSirayeli. Umntu wokuqala ukuzalwa oyindoda ebantwini ngowam. Nesilwanyana esizelwe kuqala esiyinkunzi sesam.”+ Eksodus 34:19 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 19 “Onke amazibulo angamakhwenkwe nawo onke amazibulo aziinkunzi* ngawam,+ nditsho kwanemfuyo yakho yonke, nokuba lizibulo eliyinkunzi yenkomo okanye yegusha.+ Numeri 18:15 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 15 “Izibulo layo yonke into ephilayo+ elinikelwa kuYehova, nokuba lelomntu okanye lelesilwanyana, liza kuba lelakho. Kodwa ke, nakanjani na umele ulikhulule+ izibulo lomntu+ nezibulo lesilwanyana esingacocekanga. Luka 2:23 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 23 kanye njengokuba kubhaliwe eMthethweni kaYehova* kwathiwa: “Onke amazibulo angamakhwenkwe* aza kuba ngcwele kuYehova.”*+
2 “Ndingcwalisele* onke amazibulo angamakhwenkwe* kumaSirayeli. Umntu wokuqala ukuzalwa oyindoda ebantwini ngowam. Nesilwanyana esizelwe kuqala esiyinkunzi sesam.”+
19 “Onke amazibulo angamakhwenkwe nawo onke amazibulo aziinkunzi* ngawam,+ nditsho kwanemfuyo yakho yonke, nokuba lizibulo eliyinkunzi yenkomo okanye yegusha.+
15 “Izibulo layo yonke into ephilayo+ elinikelwa kuYehova, nokuba lelomntu okanye lelesilwanyana, liza kuba lelakho. Kodwa ke, nakanjani na umele ulikhulule+ izibulo lomntu+ nezibulo lesilwanyana esingacocekanga.
23 kanye njengokuba kubhaliwe eMthethweni kaYehova* kwathiwa: “Onke amazibulo angamakhwenkwe* aza kuba ngcwele kuYehova.”*+