Genesis 9:5 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 5 Ngapha koko ndiza kuniphendulisa ngegazi lobomi benu.* Zonke izidalwa eziphilayo ndiza kuziphendulisa. Wonke umntu ophilayo ndiza kumphendulisa ngobomi bomntakwabo.+ Eksodus 21:12 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 12 “Nabani na obetha umntu afe, naye makabulawe.+ Levitikus 24:17 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 17 “‘Ukuba indoda ibulala umntu, ifanele nakanjani ibulawe.+ Duteronomi 19:11, 12 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 11 “Kodwa ukuba umntu uyamcaphukela omnye,+ aze amlalele, amenzakalise ade afe, akugqiba abalekele kwesinye sezi zixeko, 12 abadala besixeko sakhe bamele bambize baze bamnikele kumphindezeli wegazi, yaye umele afe.+
5 Ngapha koko ndiza kuniphendulisa ngegazi lobomi benu.* Zonke izidalwa eziphilayo ndiza kuziphendulisa. Wonke umntu ophilayo ndiza kumphendulisa ngobomi bomntakwabo.+
11 “Kodwa ukuba umntu uyamcaphukela omnye,+ aze amlalele, amenzakalise ade afe, akugqiba abalekele kwesinye sezi zixeko, 12 abadala besixeko sakhe bamele bambize baze bamnikele kumphindezeli wegazi, yaye umele afe.+