5 “Umele uthathe umgubo ocoliweyo, uwubhake ube ngamaqebengwana arawundi ayi-12. Iqebengwana ngalinye limele libe nezishumi ezibini ze-efa. 6 Uza kuwabeka abe zizixa ezibini, isixa ngasinye sibe namaqebengwana amathandathu+ etafileni yegolide esulungekileyo phambi koYehova.+