11 Yaye atya isivuno selo lizwe, ngosuku olusemva kwePasika, atya isonka esingenagwele+ nokutya okugcadiweyo kwangaloo mini. 12 Emva koko imana yaphela ngosuku olusemva kokuba etye kwisivuno selo lizwe; amaSirayeli ayengasenayo imana,+ kodwa atya isivuno sakwaKanan ngaloo nyaka.+