IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 27:12-14
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 12 Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Nyuka le ntaba yeAbharim+ uze ubone ilizwe endiza kulinika amaSirayeli.+ 13 Emva kokuba ulibonile, uza kuhlanganiselwa kubantu bakowenu,*+ njengoAron umntakwenu,+ 14 kuba xa ibandla laxambulisana nam kwintlango yaseTsin, zange niwuthobele umyalelo wam wokuba nindingcwalise xa ndikhupha amanzi.+ Lawo ngamanzi aseMeribha+ eKadeshe+ entlango yaseTsin.”+

  • Duteronomi 1:37
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 37 (UYehova wacatshukiswa nandim lo ngenxa yenu, waza wathi, “Nawe awuzukungena phaya.+

  • Duteronomi 3:26
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 26 Kodwa uYehova wayesenomsindo kum ngenxa yenu+ waza akandimamela. UYehova wasuka wathi kum, ‘Kwanele! Ungaphinde uthethe nam ngale nto.

  • Duteronomi 32:51, 52
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 51 kuba nobabini anizange nithembeke kum phambi kwamaSirayeli emanzini aseMeribha+ yaseKadeshe entlango yeTsin, kuba anizange nindingcwalise phambi kwamaSirayeli.+ 52 Awuzukungena kwilizwe endilinika amaSirayeli, kodwa uza kulibonela kude.”+

  • Duteronomi 34:4
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 4 Ngoko uYehova wathi kuye: “Nalo ke ilizwe endafunga ngalo kuAbraham, uIsake noYakobi, ndisithi, ‘Ndiza kulinika inzala yakho.’+ Ndikubonisile ke, kodwa awuzukuwela uye kulo.”+

  • Yoshuwa 1:2
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 2 “UMoses umkhonzi wam ufile.+ Ngoku ke phakama, uwele le Yordan, wena nabo bonke aba bantu, niye kwilizwe endiwanika lona amaSirayeli.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share