-
1 Kumkani 9:8, 9IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
8 Le ndlu yona iza kuba ngamabhodlo.+ Wonke umntu odlula ngakuyo uza kuyijonga emangalisiwe aze abethe umlozi esithi, ‘Kwakutheni ukuze uYehova enze le nto kweli lizwe nakule ndlu?’+ 9 Emva koko baza kuthi, ‘Kungenxa yokuba bamshiya uYehova uThixo wabo, owakhupha ookhokho babo kwilizwe laseYiputa, bamkela abanye oothixo, baqubuda kubo baza babakhonza. Yiyo le nto uYehova eye wabazisela yonke le ntlekele.’”+
-
-
2 Kronike 7:21, 22IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
21 Le ndlu yona iza kuba ngamabhodlo. Wonke umntu odlula ngakuyo uza kuyijonga emangalisiwe,+ athi, ‘Kwakutheni ukuze uYehova enze le nto kweli lizwe nakule ndlu?’+ 22 Emva koko baza kuthi, ‘Kungenxa yokuba bamshiya uYehova+ uThixo wookhokho babo, owabakhupha kwilizwe laseYiputa,+ bamkela abanye oothixo, baqubuda kubo baza babakhonza.+ Yiyo le nto eye wabazisela yonke le ntlekele.’”+
-