Eksodus 1:13, 14 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 13 Ngenxa yoko amaYiputa awakhobokisa kakhulu amaSirayeli.+ 14 Awaphilisa kabuhlungu ngokuwasebenzisa nzima, esenza udaka lodongwe, izitena nawo wonke umsebenzi wobukhoboka entsimini. Awatsalisa nzima nyhani phantsi kweemeko ezimbi kakhulu, kuwo wonke umsebenzi wobukhoboka.+ Eksodus 6:6 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 6 “Ngoko yithi kumaSirayeli, ‘NdinguYehova, yaye ndiza kunikhupha phantsi kwengcinezelo yamaYiputa, ndinihlangule ebukhobokeni,+ ibe ndiza kunikhulula ngengalo eyoluliweyo* nangezigwebo eziqatha.+
13 Ngenxa yoko amaYiputa awakhobokisa kakhulu amaSirayeli.+ 14 Awaphilisa kabuhlungu ngokuwasebenzisa nzima, esenza udaka lodongwe, izitena nawo wonke umsebenzi wobukhoboka entsimini. Awatsalisa nzima nyhani phantsi kweemeko ezimbi kakhulu, kuwo wonke umsebenzi wobukhoboka.+
6 “Ngoko yithi kumaSirayeli, ‘NdinguYehova, yaye ndiza kunikhupha phantsi kwengcinezelo yamaYiputa, ndinihlangule ebukhobokeni,+ ibe ndiza kunikhulula ngengalo eyoluliweyo* nangezigwebo eziqatha.+