-
Daniyeli 9:20, 21IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
20 Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam nesabantu bakowethu amaSirayeli, ndicela inceba kuYehova uThixo wam ngenxa yentaba yakhe engcwele,+ 21 ewe ndithe ndisathandaza njalo, kwathi gqi indoda enguGabriyeli,+ leya ndandiyibone embonweni ngaphambili,+ yeza kum ndidinwe ndiyimfe. Ifike kum malunga nexesha lokwenziwa kweminikelo yangokuhlwa esisipho.
-