14 Ndiza kuba njengengonyama kuEfrayim,
Nanjengengonyama enamandla kwindlu kaYuda.
Mna ndiza kubadlavula babe ziziqwenga ndize ndimke;+
Ndiza kubasusa, yaye akukho mntu uza kubasindisa.+
15 Ndiza kuhamba ndibuyele endaweni yam de bayifumane imiphumo yetyala labo,
Emva koko baza kufuna uncedo lwam.+
Xa besentlungwini, baza kundifuna.”+