-
Numeri 21:33-35IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
33 Emva koko ajika ahamba ngeNdlela Eya EBhashan. UOgi+ ukumkani waseBhashan waphuma nabantu bakhe bonke, waya kuwahlasela e-Edreyi.+ 34 UYehova wathi kuMoses: “Sukumoyika,+ kuba ndiza kumnikela kuwe nabo bonke abantu bakhe nomhlaba wakhe.+ Nakuye uza kwenza laa nto uyenze kuSihon ukumkani wama-Amori, obehlala eHeshbhon.”+ 35 Ngoko amaSirayeli amxabela yena noonyana bakhe, nabo bonke abantu bakhe, akwabikho mntu usindayo+ aza alithatha ilizwe lakhe.+
-