-
2 Kumkani 20:14, 15IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
14 Emva koko umprofeti uIsaya weza kuKumkani uHezekiya, wathi kuye: “Aye athini la madoda? Khona, ebevela phi?” Ngoko uHezekiya wathi: “Avela kwilizwe elikude, eBhabhiloni.”+ 15 Emva koko wambuza: “Abone ntoni endlini yakho?” UHezekiya wathi: “Akukho nto angayibonanga endlini yam. Ndiwabonise bonke ubutyebi bam.”
-