-
Yoshuwa 23:15, 16IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
15 Kodwa, kanye njengokuba ziye zenzeka zonke izinto ezintle ebenithembise zona uYehova uThixo wenu,+ uYehova uThixo wenu uza kuzenza nezinto ezimbi athe uza kuzenza kuni, aze anitshabalalise kweli lizwe lihle aninike lona uYehova uThixo wenu.+ 16 Ukuba niyasaphula isivumelwano uYehova uThixo wenu aniyalele ukuba nisigcine nize nikhonze abanye oothixo, niqubude kubo, uYehova uza kuba nomsindo+ nize nithi shwaka kwilizwe elihle aninike lona.”+
-