-
2 Kronike 34:20, 21IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
20 Emva koko ukumkani wayalela la mazwi kuHilekiya, uAhikam+ unyana kaShafan, uAbhedon unyana kaMika, uShafan unobhala noAsaya isicaka sikakumkani: 21 “Hambani, niyokubuza kuYehova ngamazwi ale ncwadi ifunyenweyo, nibuzele mna, abo basashiyekileyo kwaSirayeli noYuda wonke, kuba mkhulu gqitha umsindo kaYehova oza kukhutshelwa kuthi ngenxa yokuba ookhokho bethu abazange bakwenze oko kuthethwa lilizwi likaYehova ngokuthobela yonke into ebhalwe kule ncwadi.”+
-
-
Yeremiya 39:13, 14IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
13 Ngoko uNebhuzaradan umphathi woonogada, uNebhushazebhan iRabhesarisi,* uNergali-sharetsere iRabhemage* nawo onke amadoda aziintloko kakumkani waseBhabhiloni bathumela 14 ukuba kukhutshwe uYeremiya kwiYadi Yoonogada,+ bamnikela kuGedaliya+ unyana ka-Ahikam+ unyana kaShafan,+ ukuba aye naye endlini yakhe. Ngoko wahlala phakathi kwabantu.
-