-
2 Kumkani 25:8-10IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
8 Ngenyanga yesihlanu, ngomhla wesixhenxe kuloo nyanga, oko kukuthi, ngonyaka we-19 kaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni, uNebhuzaradan+ umphathi woonogada, osisicaka sikakumkani waseBhabhiloni, wagaleleka eYerusalem.+ 9 Wayitshisa indlu kaYehova,+ indlu kakumkani+ nazo zonke izindlu zaseYerusalem;+ watshisa nezindlu zazo zonke izikhulu.+ 10 Yaye zonke iindonga ezazijikeleze iYerusalem zadilizwa ngumkhosi wamaKhaledi owawukunye nomphathi woonogada.+
-
-
2 Kronike 34:24, 25IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
24 “Uthi uYehova, ‘Ndiza kuyizisela intlekele le ndawo nabantu bayo,+ ndizizise zonke iziqalekiso ezibhalwe kule ncwadi+ ifundwe phambi kokumkani wakwaYuda. 25 Ngenxa yokuba beye bandilahla+ baza baqhumisa umbingelelo kwabanye oothixo ukuze bandicaphukise+ ngayo yonke imisebenzi yezandla zabo, ndiza kuwukhuphela kule ndawo umsindo wam, ibe awuzukwehla.’”+
-
-
2 Kronike 36:16, 17IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
16 Kodwa baqhubeka bebagculela abathunywa boThixo wokwenene,+ bewacaphukela namazwi akhe.+ Babehlekisa ngabaprofeti bakhe+ de uYehova wanomsindo,+ kwada kwabonakala ukuba abazukuncedakala.
17 Wabazisela ukumkani wamaKhaledi,+ owabulala abafana babo ngekrele+ endlini yabo engcwele.+ Zange abe nalusizi ngomfana okanye ngentombi, omdala okanye ogulayo.+ UThixo wayinikela esandleni sakhe yonke into.+
-