10 “Wena ke mkhonzi wam Yakobi sukoyika,” utsho uYehova,
“Sukoyika, yhini Sirayeli.+
Kuba ndiza kukusindisa ulee kude
Nenzala yakho ikwilizwe eyathinjelwa kulo.+
UYakobi uza kubuya, azole yaye angaphazanyiswa,
Kungabikho mntu umoyikisayo.”+
11 “Kuba ndinawe,” utsho uYehova, “ukuze ndikusindise.
Ndiza kuzitshabalalisa zonke iintlanga endikuchithachithele kuzo.+
Kodwa ke wena andizukukutshabalalisa.+
Ndiza kukuqeqesha ngendlela ekufaneleyo,
Nakanjani soze ndingakohlwayi.”+