IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ezra 2:1
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 2 Aba ngabantu bephondo* ababebuye ekuthinjweni+ nguKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni,+ bebuyela kwizixeko zabo, eYerusalem nakwaYuda,+

  • Yeremiya 29:14
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 14 Kwaye ndiza kunivumela ukuba nindifumane,’+ utsho uYehova. ‘Ndiza kubahlanganisa abathinjwa bakho ndize ndiniqokelele ndinikhuphe kuzo zonke iintlanga neendawo endinisasazele kuzo,’+ utsho uYehova. ‘Ibe ndiza kunibuyisela kwindawo endanenza nathinjwa nikuyo.’+

  • Yeremiya 32:44
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 44 “‘Amasimi aza kuthengwa ngemali, amaxwebhu esivumelwano aza kubhalwa aze afakwe isitampu, kubizwe namangqina kwilizwe lakwaBhenjamin,+ kwiindawo ezijikeleze iYerusalem, kwizixeko zakwaYuda,+ kwizixeko zommandla weentaba,+ kwizixeko ezithe tyaba nakwizixeko ezisemazantsi, kuba ndiza kubuyisela abathinjwa babo,’+ utsho uYehova.”

  • Hezekile 20:42
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 42 “‘Niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova+ xa ndinizisa kwilizwe lakwaSirayeli,+ endafunga ukuba ndiza kulinika ookhokho benu.

  • Amosi 9:14
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 14 Ndiza kubabuyisa abantu bam abathinjiweyo amaSirayeli,+

      Ibe baza kuphinda bazakhe izixeko ezingenabantu baze bahlale kuzo;+

      Baza kutyala amasimi eediliya basele iwayini yazo,+

      Balime iigadi batye iziqhamo zazo.’+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share